Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

IMIZEKELISO 8:22-36

IMIZEKELISO 8:22-36 XHO75

UYehova wandivelisa ndaba yintlahlela yendlela yakhe, Ndaba ngowamandulo emisebenzini yakhe yakudala. Ndamiswa kwasephakadeni, kwasentloko, Kwasemandulweni ehlabathi. Ndazalwa kungekabikho manzi anzongonzongo, Kungekabikho mithombo inzima ngamanzi. Ndazalwa kungekafakwa ntaba, Naphambi kweenduli; Engekawenzi umhlaba namaphandle, Nothuli lonke lwelimiweyo. Ekulilungiseni kwakhe izulu, ndandikho apho; Ekubuzungulezeni kwakhe ngomda ubuso bamanzi anzongonzongo; Ekusiqiniseni kwakhe isibhakabhaka phezulu; Ekugalelekeni kwemithombo yamanzi anzongonzongo; Ekulumiseleni kwakhe ulwandle umda walo, Ukuba amanzi angawugqithi umthetho wakhe; Ekuzimiseni kwakhe iziseko zehlabathi: Ndaye ndinaye, ndiyingcibi yomsebenzi, Ndiziyolisa ngokwam iimini ngeemini; Ndidlala phambi kwakhe ixesha lonke, Ndidlala kwelimiweyo ihlabathi lakhe; Nokuziyolisa kwam kukoonyana babantu. Ke ngoko, bonyana, ndiveni; Hayi, uyolo lwabazigcinayo iindlela zam! Yivani uqeqesho, nibe nobulumko, Ningaluyeki. Hayi, utolo lomntu ondivayo, Elinde ezingcangweni zam iimini ngeemini, Egcine emigubasini yeminyango yam! Kuba ofumana mna, ufumene ubomi; Uzuzé okukholekileyo kuYehova. Ophosana nam wona owakhe umphefumlo; Bonke abandithiyayo bathanda ukufa.