Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

Imizekeliso 8:12-21

Imizekeliso 8:12-21 XHO1902A

Mna bulumko ndihleli nentelekeleliso; nokwaziwa kwamaqinga alumkileyo ndiyakufumana. Ukwoyika UYEHOVA kukutiya inkohlakalo; ir̔atshi, nokuzidla, nendlela ekohlakeleyo, nomlomo wobumenemene, ndiyazitiya. Ubucebo bobam, nobuqiqo; ndiyingqondo; amandla angawam. Okumkani bapata ngam, nenkosi zimisa ubulungisa. Inkosana zipata ngam, nemiduna, kwa bonke abagwebi bomhlaba. Ndiyabatanda abo batanda mna; nabo bandifuna msinya, baya kundifumana. Ubutyebi bunam, nodumo; imfuyo engagugiyo, nobulungisa. Isixakato sam silungile pezu kwegolide, pezu kwegolide ecokisiweyo; nenzuzo yam pezu kwesilivere edlulisileyo. Ndiyahamba emendweni wobulungisa, pakati kwendlela zobugwebo; ukuze ndizuzise abanditandayo indyebo; ewe, indawo zabo zokubekela ndiya kuzizalisa.