Mna bulumko ndihleli nentelekeleliso; nokwaziwa kwamaqinga alumkileyo ndiyakufumana. Ukwoyika UYEHOVA kukutiya inkohlakalo; ir̔atshi, nokuzidla, nendlela ekohlakeleyo, nomlomo wobumenemene, ndiyazitiya. Ubucebo bobam, nobuqiqo; ndiyingqondo; amandla angawam. Okumkani bapata ngam, nenkosi zimisa ubulungisa. Inkosana zipata ngam, nemiduna, kwa bonke abagwebi bomhlaba. Ndiyabatanda abo batanda mna; nabo bandifuna msinya, baya kundifumana. Ubutyebi bunam, nodumo; imfuyo engagugiyo, nobulungisa. Isixakato sam silungile pezu kwegolide, pezu kwegolide ecokisiweyo; nenzuzo yam pezu kwesilivere edlulisileyo. Ndiyahamba emendweni wobulungisa, pakati kwendlela zobugwebo; ukuze ndizuzise abanditandayo indyebo; ewe, indawo zabo zokubekela ndiya kuzizalisa.
Funda Imizekeliso 8
Share
Compare All Versions: Imizekeliso 8:12-21
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos