Mna, bulumko, ndakhele ebuqilini; Ndinokukufumana ukuyazi iminkqangiyelo. Ukoyika uYehova kukuthiya into embi: Ikratshi nokukratsha, nendlela embi, Nomlomo onempenduka, ndiwuthiyile. Likum icebo nozimaso; Ndiyingqondo, bobam ubugorha. Ookumkani banobukumkani ngam; Nezidwangube zimisa ubulungisa ngam. Bathethela ngam abathetheli, Namanene, nabagwebi bonke behlabathi. Abandithandayo ndiyabathanda nam; Nabandifunayo kwakusasa bayandifumana. Bunam ubutyebi nozuko, Ubuncwane obusisimakade nobulungisa. Silungile isiqhamo sam ngaphezu kwegolide embiweyo, nakwengcwengekileyo; Lulungile ungeniselo lwam ngaphezu kwesilivere enyuliweyo. Ndihamba ngomendo wobulungisa, Phakathi kweendlela ezisesikweni; Ukuze abandithandayo ndibadlise ilifa elililo, Ndizizalise izindlu zabo zobuncwane.
Funda IMIZEKELISO 8
Share
Compare All Versions: IMIZEKELISO 8:12-21
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos