Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

Imizekeliso 8:1-36

Imizekeliso 8:1-36 XHO1902A

UBULUMKO abubizi na? nengqondo ayipakamisi na ilizwi layo? Engcopo yendawo ezipakamileyo ngasemendweni, pakati kwazo indlela buyazimisa. Ngecala lamasango, ekungenweni kwesixeko, ngasemnyango wengcango, buyadanduluka. Kwa kuni, madoda! ndiyabiza; ilizwi lam likubo onyana babantu. Nina zidenge! qondani ubuciko; nani mahilihili! qondani ingqiqo. Yivani; ngokuba ndiya kuteta izinto ezinobomi; nokuvula kwomlomo wam kwoba ngolungelelwano. Ngokuba ikuhlangubo lam liya kupimisela inyaniso; kanjalo ubumenemene buyintshontsho emlonyeni wam. Zonke iziteto zomlomo wam zisebulungiseni; akuko kuzo okujikayo nokugwenxa. Zisekuhleni zonke kuye oqondayo; zilungile kubo abafumanayo ukwazi. Yamkelani imfundiso yam, ningamkeli isilivere; kwa nokwazi ngapezu kwegolide edlulisileyo. Ngokuba ubulumko bulungile pezu kwerubi; nazo zonke izinto ezinqwenelekayo azingelingane nabo. Mna bulumko ndihleli nentelekeleliso; nokwaziwa kwamaqinga alumkileyo ndiyakufumana. Ukwoyika UYEHOVA kukutiya inkohlakalo; ir̔atshi, nokuzidla, nendlela ekohlakeleyo, nomlomo wobumenemene, ndiyazitiya. Ubucebo bobam, nobuqiqo; ndiyingqondo; amandla angawam. Okumkani bapata ngam, nenkosi zimisa ubulungisa. Inkosana zipata ngam, nemiduna, kwa bonke abagwebi bomhlaba. Ndiyabatanda abo batanda mna; nabo bandifuna msinya, baya kundifumana. Ubutyebi bunam, nodumo; imfuyo engagugiyo, nobulungisa. Isixakato sam silungile pezu kwegolide, pezu kwegolide ecokisiweyo; nenzuzo yam pezu kwesilivere edlulisileyo. Ndiyahamba emendweni wobulungisa, pakati kwendlela zobugwebo; ukuze ndizuzise abanditandayo indyebo; ewe, indawo zabo zokubekela ndiya kuzizalisa. UYEHOVA wandifuya ndikukuqala kwendlela yake, ingekabiko imisebenzi yake, kwa kudala. Kwa kunapakade ndatanjiswa, kwa sekuqaleni, ungekabiko umhlaba. Zakuba zingeko inzulu, bendizelwe; yakuba ingeko imitombo emanzi maninzi. Zingekaqinanga intaba, zingekabiko induli, ndandizelwe; nxa ebengekawenzanga umhlaba, nezindle, nolwokuqala utuli lwelizwe. Oko abelungisa amazulu, bendikona mna; oko abeba̔la isazinge pezu kwobuso benzulu; oko abeqinisa amafu ngapezulu; oko womelezayo imitombo yenzulu; oko wabekela ulwandle umda walo, ukuba amanzi angagqiti ilizwi lake; oko abemisa imisekelo yomhlaba; ndasendiko kufupi naye njengowondliweyo; ndandiluyolo lwake imihla ngemihla, ndigcoba pambi kwake ngamaxesha onke; ndigcoba kwezimiweyo indawo zomhlaba wake; lwaye uyolo lwam lwanonyana babantu. Ngako kaloku ndiveni, bonyanandini! ngokuba benetamsanqa abazigcinayo indlela zam. Yivani imfundiso, nilumke, ningayali. Unetamsanqa umntu ondivayo, elinda emasangweni am imihla ngemihla, egcina imigubasi yengcango zam. Ngokuba ondifumanayo efumana ubomi; uya kuzuza imbuko KUYEHOVA. Kodwa owonayo kum, uyabandezela owake umpefumlo: bonke abanditiyayo bayatanda ukufa.