Imizekeliso 30:11-23

Imizekeliso 30:11-23 XHO1902A

Kuko isizukulwana esiqalekisayo uyise, esingamtamsanqelisiyo unina. Kuko isizukulwana esimhlope kwawaso amehlo, kanti asihlanzwanga ekunco̔leni kwaso. Kuko isizukulwana, anjanina amehlo aso ukuzidla, nenkope zaso ukupakanyiswa! Kuko isizukulwana, amazinyo aso ziziṙele, namazinyo omhlati aso zizitshetshe, okudla amahlwempu asemhlabeni, nabasweleyo pakati kwabantu. Isimungunyigazi sinentombi ezimbini, ezitsho ukuti: Sipe, sipe! Kuko izinto zintatu ezingenako ukukoliswa; ewe, zine ezingatshoyo ukuti: Kwanele. Lincw̔aba, nesizalo esivalekileyo; ngumhlaba ongenakudikwa ngamanzi, nomlilo ongatshoyo ukuti: Kwanele. Iliso eligculela uyise, elidela ukuva unina, onomyai basentilini bolincotula, namatole okozi olidla. Kuko izinto zintatu ezindinqabeleyo; ewe, zine endingazaziyo: Yindlela yokozi esibakabakeni; yindlela yenyoka pezu kweliwa; yindlela yenqanawa pakati kwolwandle; nendlela yendoda entombini. Injalo indlela yomṙexezikazi; uyadla, asule umlomo wake, ati: Andenzanga nkohlakalo. Ngenxa yezinto ezintatu umhlaba uyazanyazanyiswa, nangenxa yezine ukohliwe kukuzinyamezela: Ngenxa yesicaka, sakuba nobukosi; nesityakala, sakuhluta kukudla; ngenxa yenkazana etiyekayo, yakwenda; nesicakakazi, sakuba yindlalifa yenkosikazi yaso.