IZAFOBE 30:11-23

IZAFOBE 30:11-23 XHO96

Abanye abantu bayamshwabulela uyise, bangamthamsanqelisi nonina. Bona bazicingela ukuba banyulu, kodwa babe bengazange bahlambuluka. Aba bantu bazicingela bhetele. Awu, baziphakamisile kambe! Basisizukulwana esimazinyo aziingxavula okwekrele, esimabamba abukhali okwemela, khon' ukuze baxhaphaze amahlwempu ehlabathini, ewe, nditsho abasweleyo phakathi kwabantu. Ikhalane lineentombi ezimbini; zithi: “Ndiphe! Ndiphe!” Ewe, zintathu izinto ezingahluthiyo, gxebe, zine ezingasoze zithi: “Kwanele!”: elabafileyo; umfazi ongafumani bantwana; umhlaba onxaniweyo; nomlilo ongatshoyo ukuthi: “Kwanele!” Amehlo omntu ophoxisa ngoyise nocekisa ukuthobela unina aya kuxholwa ngamahlungulu, anqwamzwe ngamaxhalanga. Kukho izinto ezintathu eziyintsonkotha kum; gxebe, zine endingaziqondiyo: ukubhabha kokhozi esibhakabhakeni; ukurhubuluza kwenyoka elulwalweni; ukuhamba kwenqanawa enzulwini yolwandle; ukuthandana komfana nentombi. Inje indlela yomfazi okrexezayo: Uyadla, asule umlomo, athi: “Andenzanga nto imbi!” Zintathu izinto ezilishukumisayo ihlabathi; gxebe, zine elingenako ukuzinyamezela: kukuba phantsi kwekhoboka eliye laba ngukumkani, okanye isiyatha xa sithe sahlutha kukutya; kukuba phantsi kwebhinqa ebelingafunwa elide latshata, okanye isicakazana xa sithe sathatha indawo yenkosikazi yaso.