Imizekeliso 27

27
1UNGAZIQA̔YISELI ngemini yangomso; ngokuba ungazi okuya kuveliswa yimini.
2Makudumise wena owasemzini, kungabi ngowako umlomo; kube ngongaziwayo, kungabi lelako ilizwi.
3Ilitye linzima, nentlabati iyasinda; kodwa ingcapukiso yehilihili igqitisile ngobunzima ezonto zombini.
4Umsindo ububukali, noqumbo lungumsinga; kodwa ngubanina ongemayo pambi kwomona?
5Ukwohlwaywa ekuhleni kulungile ngapezu kwokutandwa ngasese. 6Anyanisekile amanxeba enziwayo ngotandayo; kodwa ukwanga kwotiyayo kuyandiswa.
7Umxe̔lo ohlutiyo uyadela incindi; kodwa umxe̔lo olambileyo, konke okuṙaṙa kumnandi kuwo.
8Njengentaka ebadulayo endlwini yayo, unjalo umntu obadulayo endaweni yake.
9Ioli nesiqu̔miso ziyavuyisa intliziyo; buyenje njalo ubumnandi bomhlobo womntu, obuvela ekucebeni kwompefumlo.
10Umhlobo wako, nomhlobo kayihlo, ungamshiyi; kanjalo ungayi endlwini yomkuluwe wako ngemini yelishwa lako: ummelwane okufupi ulungile pezu kwomkuluwe okude.
11Yiba nobulumko, nyana wam! uvuyise intliziyo yam; ukuze ndibe nento yokupendula onditukayo.
12Otelekelelayo uyayibona ingozi, azifihle; kodwa izidenge ziyagqita, zenzakale.
13Bamba ingubo yake obambele owasemzini; utabate umbambiso kuye obambele umfazi ongaziwayo.
14Otamsanqelisayo umhlobo wake ngelizwi elikulu, evuka kusasa, kuya kumbalelwa ngokuba sisiqalekiso.
15Ukucapaza okufuti emini yemvula enkulu, nomfazi wamapike, ziyafana ezonto. 16Omfihlayo uyafihla umoya; siti isandla sokunene sake sihlangane neoli.
17Intsimbi iyenza bukali intsimbi; kwa njalo umntu uyenza bukali ubuso bomhlobo wake.
18Ogcinayo umkiwane, wodla isiqa̔mo sawo; nalowo ulindayo inkosi yake, uya kubekwa.
19Njengasemanzini ubuso bulungelelana nobuso, kwa njalo intliziyo yomntu ilungelelana nomntu.
20Incw̔aba nentshabalalelo azinakuncanyiswa; kwa njalo amehlo omntu akanakuncanyiswa.
21Imbiza yokucokisa yeyesilivere, nesidlangalala sesegolide; kwa njalo umntu ulingeka ngokudunyiswa kwake.
22Nakuba ulinqusha ihilihili esinqushweni, pakati kwenqolowa enqushwayo, ngesibulo, alisayi kumkelwa bubuhilihili balo noko.
23Qonda kakulu ukumila kwegusha zako; bekela intliziyo yako emihlambini. 24Ngokuba ubutyebi bungesiso isimakade; kwa nekrone ayiyi kubako kwisizukulwana ngesizukulwana. 25Utyani buyemka, kubonakale uhlaza, kubutwe amahlamvu entaba. 26Amatakane angawokwambatiswa kwako, nebokwe zilixabiso lentsimi. 27Kanjalo kwobako amasi ebokwe aya kwanela ukudla kwako, nokudla kwendlu yako, nokupiliswa kwezicakakazi zako.

Currently Selected:

Imizekeliso 27: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena