Imizekeliso 16
16
1ZEZOMNTU izilungiselelo zentliziyo; kodwa kuvela kuyehova impendulo yolwimi.
2Yonke imikwa yomntu imhlope kwawake amehlo; kodwa uyehova uyalinganisa imimoya.
3Lahlela kuye uyehova imisebenzi yako; oti ke amaqinga ako aqiniswe.
4Zonke izinto uyehova uzenzele okwake; ewe nokohlakeleyo umenzele imini yobubi.
5Osukuba enokuqanqalaza ngentliziyo uyintshontsho kuyehova; nangona isandla sibambana nesandla, akayi kuswela ityala.
6Ngabo ububele nenyaniso isono siyaxoliselwa; nangokwoyika uyehova kumkiwa ekukohlakaleni.
7Nxa imikwa yomntu imkolisayo uyehova, uyenza ukuba nentshaba zake zixolane naye.
8Intwana encinane kunye nobulungisa, ilungile pezu kwenzuzo ezininzi ngapandle kwokufaneleyo.
9Intliziyo yomntu iyaqingela indlela yake; kodwa nguyehova obekisa amanyatela ake.
10Izwi elikulu lipezu kwomlomo wokumkani; ekugwebeni umlomo wake awuyi kwenza ngobumenemene.
11Isilungelelaniselo nesilinganiselo esifaneleyo ze zikayehova; ngumsebenzi wake onke amatye okulinganisa enxowa.
12Kuyintshontsho kubo okumkani ukwenza okukohlakeleyo; ngokuba iterone iqiniswa ngobulungisa.
13Umlomo wobulungisa uyimvuyiso kokumkani; nalowo uteta izinto ezifanelekileyo baya kumtanda.
14Umsindo wokumkani unjengezitunywa zokufa; kodwa umntu olumkileyo wowudambisa.
15Ekukanyeni kwobuso bokumkani kuko ubomi; nembuko yake injengelifu lemvula yasemva.
16Ukuzuza ubulumko, kulungile kangakananina pezu kwegolide? nokuzuza ingqondo, kuqasheka kangakananina pezu kwesilivere?
17Umendo wabalungileyo ngowokupambuka enkohlakalweni; ogcina indlela yake, uyalondoloza umpefumlo wake.
18Ir̔atshi liyandulela imbujiswa; nokuqanqalaza kwomoya kuyandulela ukuwa.
19Kulungile ukuba nomoya otobekileyo kunye nabalulamileyo, ngapezu kwokuba kwahlulelwane amaxoba nabaner̔atshi.
20Opata indawo ngokutelekelela, wofumana inyweba; nalowo utembela kuyehova, hai itamsanqa lake!
21Ontliziyo ilumkile wobizwa ngokuba ngoqondayo; kanjalo ubumnandi benteto buyandisa ufundo.
22Ubutelekelelo bungumtombo wobomi kosukuba enabo; kodwa imfundiso yezidenge ibubudenge.
23Intliziyo yolumkileyo yoqondisa umlomo wake; iya kwongeza ufundo nasekuteteni kwake.
24Amazwi amnandi anjengentlango yobusi, eyolile empefumlweni, eyimpiliso ematanjeni.
25Kuko indlela engati ilungile emntwini, kanti ukupela kwayo kuzindlela zokufa.
26Lowo usebenzayo uyazisebenzela yena; ngokuba umlomo wake umqu̔ba.
27Umntu wobunginingini uyapanda ububi; napezu kwomlomo wake kunjengomlilo ovutayo.
28Umntu wamamenemene uyavusa impikisano; nomncetezi uyahlukanisa izihlobo.
29Umntu wobudlwengu uyamhenda ummelwane wake, aze amkokele endleleni engalungileyo.
30Ocimayo amehlo ake ukuba aqinge amamenemene, oti vingci umlomo wake, ufezile ububi.
31Izimvi ziyikrone yobungcwalisa, ukuba ziya kufunyanwa endleleni yobulungisa.
32Oqumba kade, ugqitisele oligoṙa; nalowo unamandla pezu kwowake umoya, ugqitisele otimba isixeko.
33Iqashiso liposelwa esifubeni; kodwa kuvela kuyehova konke ukwaba kwalo.
Currently Selected:
Imizekeliso 16: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.