Owalayo imfundiso woba nobuhlwempu nehlazo; kodwa ogqalayo ukwohlwaywa uya kubekwa. Imnandi empefumlweni inkanuko efeziweyo; kodwa kuyintshontsho kwizidenge ukumka enkohlakalweni. Ohambayo nabalumkileyo wolumka naye: kodwa okolana nezidenge uya kuzuza ingozi. Ububi buya kuputuma aboni; kodwa abalungisayo bovuzwa ngokulunga. Olungileyo uyashiyela abantwana babantwana ilifa; kodwa ubutyebi bomoni bubekelelwa olungisayo. Ukulima kwamahlwempu kuyanika ubuninzi bokutya; kodwa kuko obujiswayo ngokuswela ubugwebo. Oyeka uswazi lwake, uyamtiya unyana wake: kodwa omtandayo, uyafuna ukululekwa kwake kamsinyane. Olungileyo uyadla kude kube kukuhlutiswa kwomxe̔lo wake; kodwa isisu sabakohlakeleyo soswela ukutya.
Funda Imizekeliso 13
Share
Compare All Versions: Imizekeliso 13:18-25
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos