Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

Imizekeliso 13:18-25

Imizekeliso 13:18-25 XHO1902A

Owalayo imfundiso woba nobuhlwempu nehlazo; kodwa ogqalayo ukwohlwaywa uya kubekwa. Imnandi empefumlweni inkanuko efeziweyo; kodwa kuyintshontsho kwizidenge ukumka enkohlakalweni. Ohambayo nabalumkileyo wolumka naye: kodwa okolana nezidenge uya kuzuza ingozi. Ububi buya kuputuma aboni; kodwa abalungisayo bovuzwa ngokulunga. Olungileyo uyashiyela abantwana babantwana ilifa; kodwa ubutyebi bomoni bubekelelwa olungisayo. Ukulima kwamahlwempu kuyanika ubuninzi bokutya; kodwa kuko obujiswayo ngokuswela ubugwebo. Oyeka uswazi lwake, uyamtiya unyana wake: kodwa omtandayo, uyafuna ukululekwa kwake kamsinyane. Olungileyo uyadla kude kube kukuhlutiswa kwomxe̔lo wake; kodwa isisu sabakohlakeleyo soswela ukutya.