IMIZEKELISO 13:18-25
IMIZEKELISO 13:18-25 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Unobuhlwempu nocukucezo ophulukene noqeqesho; Osigcinileyo isohlwayo uyazukiswa. Umnqweno ofeziweyo unencasa emphefumlweni; Kulisikizi kwisinyabi ukumka ebubini. Ohamba nezilumko uba sisilumko naye; Ke olikholwane lesidenge uya konakaliswa. Aboni basukelwa bububi; Ke wona amalungisa ayavuzwa kokulungileyo. Olungileyo ushiya ilifa kubazukulwana bakhe; Ubutyebi bomoni buqwetyelwe ilungisa. Umkhubelo wamahlwempu unokudla okuninzi; Kukho ophetshethwa kukungabi nabulungisa. Oyiyekileyo intonga yakhe umthiyile unyana wakhe; Ke omthandayo umqeqesha esemncinane. Ilungisa lidla ukuba kuhluthe umphefumlo walo; Ke sona isisu sabangendawo siyalamba.

IMIZEKELISO 13:18-25 IBHAYIBHILE (XHO96)
Umntu ongakhathalele ngqeqesho ulandelwa kukuhlazeka nobuhlwempu, ke yena oziphulaphulayo iziluleko uyahlonelwa. Ukufezeka komnqweno luyolo emphefumlweni. Iziyatha ziyakucekisa ukwahlukana nobubi. Umntu ovana nezilumko naye uba sisilumko; ke yena otshomana nezityhakala uyenzakala. Umoni uthiwa mbende ngamashwa, kanti ke yena olungisayo uvuzwa ngenkqubela. Umfo obhadlileyo ubashiyela ilifa abazukulwana bakhe, ke bona ubutyebi besityhakala lilifa lamalungisa. Umhlaba oqala ukulinywa ungawanika ukudla okuninzi amahlwempu, kambe ke xa kungekho bulungisa kutshayelwa kuphele. Umntu ongalusebenzisiyo uswazi umthiyile umntwana wakhe; kanti ke yena omthandayo uyamqeqesha ngokufanelekileyo. Umntu olilungisa utya aneliseke, ukanti isisu sokhohlakeleyo sambathwa liphango.
IMIZEKELISO 13:18-25 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ubuhlwempu nocukucezo lomntu osilahlayo isohlwayo; Osihlonelayo isohlwayo uyazukiswa. Umnqweno ogqibeleleyo unencasa emphefumlweni; Ke ukusuka ebubini kulisikizi kwisinyabi. Ohamba nezilumko uba sisilumko naye; Ke yena olikholwane lesidenge uyatshabalala. Aboni basukelwa bububi; Ke wona amalungisa ayavuzwa. Olungileyo ushiya ilifa kubantwana bakhe, Ke ubutyebi bomoni bugcinelwe ilungisa. Intsimi yehlwempu inokutya okuninzi, kanti ke into yonakala ngenxa yokuswela isigwebo. Ophethe intonga umthiyile unyana wakhe; ke omthandayo umqeqesha esemncinane. Ilungisa lidla wahlutha umphefumlo walo; Ke sona isisu songendawo siyalamba.
IMIZEKELISO 13:18-25 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Owalayo imfundiso woba nobuhlwempu nehlazo; kodwa ogqalayo ukwohlwaywa uya kubekwa. Imnandi empefumlweni inkanuko efeziweyo; kodwa kuyintshontsho kwizidenge ukumka enkohlakalweni. Ohambayo nabalumkileyo wolumka naye: kodwa okolana nezidenge uya kuzuza ingozi. Ububi buya kuputuma aboni; kodwa abalungisayo bovuzwa ngokulunga. Olungileyo uyashiyela abantwana babantwana ilifa; kodwa ubutyebi bomoni bubekelelwa olungisayo. Ukulima kwamahlwempu kuyanika ubuninzi bokutya; kodwa kuko obujiswayo ngokuswela ubugwebo. Oyeka uswazi lwake, uyamtiya unyana wake: kodwa omtandayo, uyafuna ukululekwa kwake kamsinyane. Olungileyo uyadla kude kube kukuhlutiswa kwomxe̔lo wake; kodwa isisu sabakohlakeleyo soswela ukutya.