Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

IZAFOBE 13:18-25

IZAFOBE 13:18-25 XHO96

Umntu ongakhathalele ngqeqesho ulandelwa kukuhlazeka nobuhlwempu, ke yena oziphulaphulayo iziluleko uyahlonelwa. Ukufezeka komnqweno luyolo emphefumlweni. Iziyatha ziyakucekisa ukwahlukana nobubi. Umntu ovana nezilumko naye uba sisilumko; ke yena otshomana nezityhakala uyenzakala. Umoni uthiwa mbende ngamashwa, kanti ke yena olungisayo uvuzwa ngenkqubela. Umfo obhadlileyo ubashiyela ilifa abazukulwana bakhe, ke bona ubutyebi besityhakala lilifa lamalungisa. Umhlaba oqala ukulinywa ungawanika ukudla okuninzi amahlwempu, kambe ke xa kungekho bulungisa kutshayelwa kuphele. Umntu ongalusebenzisiyo uswazi umthiyile umntwana wakhe; kanti ke yena omthandayo uyamqeqesha ngokufanelekileyo. Umntu olilungisa utya aneliseke, ukanti isisu sokhohlakeleyo sambathwa liphango.