U‐Hobadiya 1
1
1ISIBONAKALO sika‐Hobadiya.
Itsho inkosi e nguyehova ngayo i‐Edome ukuti: Sivile intshumayelo ivela kuyehova, kanjalo isitunywa situnyiwe pakati kwezizwe, ukuti: Sukani, sisukele ngakuyo ekulweni!
2Bona ke, ndikwenzile into encinane pakati kwezizwe; uyadelwa kakulu. 3Ir̔atshi lentliziyo yako likukohlisile, wena umiyo emifanteni yeliwa, okuhlala kupezulu; oti entliziyweni yake: Ngubanina oya kundihlisela emhlabeni? 4Nakuba ubuya kuzipakamisa njengokozi, nakuba ubuya kuyibeka indlu yako pakati kwenkwenkwezi, ndokuhlisa kwa kona, utsho uyehova. 5Ukuba ebeze kuwe amasela, ukuba ebeze amanyangaza ebusuku, (hai ukubujiswa kwako!) ebengayi kukuba̔ na oko kuwaneleyo? ukuba bebeze kuwe abavuni bedreyive, bebengayi kuzisalisa imbikico na? 6Hai ukupengululwa kwezinto zika‐Esau! hai ukufunwa kwezifihliweyo zake! 7Bonke abebetelelene nawe bakugxotele emdeni; abo abebexolene nawe bakukohlisile, bakweyisile: abadlayo isonka sako bakubekele umgibe: akuko ukuqonda kuye. 8Ngomhla lowo, utsho uyehova, andiyi kububisa na amalumko e‐Edome, nokuqonda entabeni ka‐Esau? 9Amagoṙa ako, Temani! aya kumatiswa, ukuze banqanyulwe bonke abasentabeni ka‐Esau ngokubulawa.
10Ngenxa yobudlwengu obenzelwa umninawe wako u‐Yakobi, ihlazo lokugubungela, wauya kunqanyulwa kude kube ngunapakade. 11Mhlana wamela ngakuye, mhlana abohlanga lumbi batimbayo impi yake, baza abasemzini bangena ngamasango ake, benzela i‐Yerusaleme amaqashiso, ubunjengowakubo nawe. 12Kodwa ngeungabonelanga emhleni womninawe wako, emhleni welishwa lake; waunge ungavuyelanga usapo luka‐Juda, emhleni wembujiswa yalo; kanjalo ngeungatetanga nger̔atshi, emhleni wobunzima. 13Ngeungangenanga ngesango labantu bam, emhleni wengozi yabo; ngeungabonelanga kwa wena ububi babo, emhleni wengozi yabo; waunge ungolulanga isandla pezu kwobutyebi babo, emhleni wengozi yabo; 14kanjalo unga ungemanga engxingweni, ukuba unqamle abasindileyo bake; waunge unganikelanga abaseleyo bake, emhleni wobunzima. 15Ngokuba umhla kayehova ukufupi ngakuzo zonke izizwe; njengoko ukwenzileyo, kuya kwenziwa kuwe; impindezelo yako yobuyela pezu kweyako intloko. 16Ngokuba, njengokuba nisele pezu kwentaba yam engcwele, kwa njalo ziya kusela futi izizwe zonke; ewe, ziya kusela, ziminye ke, zaziya kuba njengokungati zibe zingeko.
17Kodwa entabeni ye‐Ziyone kuya kubako ukusinda, yaiya kuba bungcwele; yoti indlu ka‐Yakobi ifuye imfuyo zabo. 18Kanjalo indlu ka‐Yakobi yoba ngumlilo, nendlu ka‐Josefe yoba lilangatye; yoti indlu ka‐Esau ibe zindiza, babeya kupemba pakati kwabo, babagqibe; aze angabiko oseleyo kwindlu ka‐Esau; ngokuba etshilo uyehova. 19Abasesuyide bofuya intaba ka‐Esau, nabasezihlanjeni ama‐Filistiya; bofuya nelizwe lakwa‐Frayime, nelizwe le‐Samariya; no‐Benjamine wofuya i‐Gileyadi. 20Abatinjwa balomkosi wosapo luka‐Sirayeli, abapakati kwaba‐Kanane, bofuya kude kube se‐Tsarefate; nabatinjwa base‐Yerusaleme, abase‐Sefarade, bofuya izixeko zasesuyide. 21Baye abasindisi beya kunyukela entabeni ye‐Ziyone, ukuza kugweba intaba ka‐Esau; boti ubukumkani bube bo bukayehova.
Currently Selected:
U‐Hobadiya 1: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.