U‐Nehemiya 5
5
1KWAZA kwabako isikalo esikulu sabantu nabafazi babo, ngakubo abazalwana babo ama‐Juda. 2Ngokuba bekuko abati: Tina, onyana betu, nentombi zetu, sibaninzi; ngako sitengile inqolowa, ukuba sidle, sipile nokupila. 3Kwabako nabati: Amasimi etu, nezitiya zetu zemiti yeveyine, nezindlu zetu, sibambisile ngazo, ukuba sitenge inqolowa ngenxa yendlala. 4Kwabako nabati: Sibolekile imali ibe yeyomnikelo wokumkani, sibambisile nje ngamasimi etu nezitiya zetu zemiti yeveyine. 5Kodwa kaloku inyama yetu injengenyama yabazalwana betu, nabantwana betu banjengabantwana babo: kanjako, bona ke, siyakonzisa onyana betu nentombi zetu babe ngamakoboka; ewe, sezikonzisiwe intombi zetu inxenye, kungeko nto emandleni ezandla zetu; ngokuba abanye abantu benamasimi etu nezitiya zetu zemiti yeveyine.
6Kwandul’ ukuvuta ingqumbo yam kakulu, nxa ndevayo isikalo sabo nalamazwi. 7Ndasuka ndacebisana nentliziyo yam, ndapikisana nemiduna namagosa, ndati kubo: Niyabanga inzuzo, abanye ngabanye kubazalwana babo. Ndaza ndabeka ngakubo intlanganiso enkulu. 8Ndandisiti kubo: Tina, ngamandla etu, sibakulule abazalwana betu ama‐Juda, abebetengisiwe kubo abaheyideni; kanene nina, seniya kutengisa ngabazalwana benu na? baya kutengiswa kuti ke na? Baza bati cwaka, bengafumani nto yokupendula. 9Ndati kanjalo: Akulungile oko nikwenzayo: ngeningahambi na ekumoyikeni utixo wetu, ngenxa yesigxeko sabaheyideni intshaba zetu? 10Kwa nam, nabazalwana bam, nezicaka zam, besingabangayo kubo imali nenqolowa: masiyeke ke inzuzo le. 11Kenibuyisele kubo kwa namhla nje amasimi abo, nezitiya zabo zemiti yeveyine, nemiyezo yabo yeminquma, nezindlu zabo, nesekulu isahlulo semali, nenqolowa, neveyine, neoli, enizibangayo kubo. 12Bandula bati: Sobuyisa ke, singabizi nto kubo; siya kwenje njalo, njengokuba utshilo wena. Ndaza ndabiza abaperisite, ndabafungisela ukuba baya kwenza ngalo elilizwi. 13Kanjako ndavutulula ingubo yam, ndati: Makenje njalo utixo ukuvutulula bonke abasukuba bengafezi elilizwi, ezindlwini zabo, nasekuqwebeni kwabo; mabavutululwe kwa ngokunjalo, babe zé. Yati ke yonke intlanganiso: Amene! yamdumisa uyehova. Baza abantu benza ngalo elilizwi.
14Kanjako kuseloko bendimiselwa ukuba yinkosi yabo elizweni lakwa‐Juda, kwa kuwo owamashumi mabini umnyaka kwada kwakuwo owamashumi matatu anesibini umnyaka ka‐Aretashasheta ukumkani, iyiminyaka ilishumi elinamibini, isonka senkosi asisidlanga mna nabazalwana bam. 15Kodwa inkosi zokuqala, ezibe zipambili kum, zayenza nzima iyokwe pezu kwabantu, zatabata kubo isonka neveyine, ngapandle kwazo ishekele zesilivere ezimashumi mane; ewe izicaka zazo zapata abantu ngobukosi: kanti bendingenje njalo mna, ngenxa yokwoyikwa kukatixo. 16Kananjalo emsebenzini woludonga ndazingisa ke; asatenga nanye intsimi: nazo zonke izicaka zam zazihlanganiselwa kona kulomsebenzi. 17Kwaye kuko ngasesitebeni sam ikulu elinamashumi mahlanu lama‐Juda namagosa, ngapandle kwabo ababesiza kuti bevela kubaheyideni abasingqongayo. 18Kekaloku oko obekulungiselwa imini nye, bekuyinkabi inye negusha zintandatu eziketiweyo; kwandilungiselwa nentaka; napakati kwemihla elishumi zonke intlobo zeveyine ngokuninzi: noko ke isonka senkosi andisibizanga, ngenxa yokuba inkonzo ibinzima pezu kwababantu.
19Ndikumbulele, Tixo wam! kube kokulungileyo, konke endikwenzileyo kwababantu.
Currently Selected:
U‐Nehemiya 5: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.