U‐Nehemiya 4
4
1KWAYE kute, kwakuviwa ngu‐Sanebalati ukuba siyaka udonga, kwavuta umsindo wake, waqumba kakulu; waza wahlekisa ngama‐Juda, 2wateta ebusweni babazalwana bake nempi yase‐Samariya, wati: Yinto nina ayenzayo lama‐Juda abutataka? onqabisa ngokwawo na? owenza amadini na? ogqiba emhleni mnye na? opilisa amatye ezimfumbeni zenkunkuma na, noko zitshisiweyo? 3Kekaloku u‐Tobiya um‐Hamoni ebengakuye, wati: Kwa oko akwakayo, ukuba kwonyuka impungutye, yosel’ icita udonga lwamatye lwawo.
4Yiva, Tixo wetu! ngokuba sidelwayo; uze ubuyise ukugxeka kwabo pezu kweyabo intloko, ubanikele ekupangweni elizweni lokutinjwa: 5ungaseleli ityala labo; nesono sabo masingacinywa pambi kwako: ngokuba bekuqumbisile, bemela abaki.
6Saza salwaka udonga; kwaye kubandakanywa udonga lwonke kwada kwasisiqingata sobude balo: ngokuba abantu bebenentliziyo yokusebenza.
7Kwaye kute, kwakuviwa ngu‐Sanebalati, no‐Tobiya, nama‐Arabi, naba‐Hamoni, nama‐Ashedode, ukuba kwahanjiswa ukulungiswa kwendonga ze‐Yerusaleme, nokuba intanda zaqala ukuvingcwa, kwandul’ ukuvuta umsindo wabo kakulu, 8bacebana bonke kwa kunye ukuza ukulwa ngakuyo i‐Yerusaleme, nokuyixaka. 9Kodwa satandaza kutixo wetu, samisa abalindi ngakubo, imini nobusuku, ngenxa yabo. 10Baza bati o‐Juda: Amandla abatwali bemitwalo ayapela, kanti inkunkuma iseninzi; kukona sikohlwayo kulwaka udonga. 11Zaye zisiti intshaba zetu: Abayi kwazi, abayi kubona kanjako, side singene pakati kwabo, sibabulale, siwupelise umsebenzi.
12Kwaye kute, kwakufika ama‐Juda abehlala ngakuzo, ati kuti ishumi lamaxesha: Zovela kuzo zonke indawo eningabuyelayo kuti ngazo, ziniṙaule. 13Ngako ndamisa ezindaweni zasezantsi ngasemva kwodonga, kwezitshileyo, ndamisa abantu, ngezizalwane zabo, beneziṙele zabo, nentshuntshe zabo, nezipeta zabo. 14Ndaza ndakangela, ndesuka, ndati kwimiduna, nakumagosa, nakwabanye abantu: Ningazoyiki; kumbulani inkosi, leyo inkulu eyoyikekayo, nibalwele abazalwana benu, nonyana benu, nentombi zenu, nabafazi benu, nezindlu zenu.
15Kwaye kute, xeshekweni bezivile intshaha zetu ukuba kwaziwe siti, nokuba utixo utshitshisile icebo lazo, sasesisiti tina sonke sabuyela eludongeni, abanye ngabanye besiya emsebenzini wabo. 16Kwaza kwati emva kweloxesha, esinye isiqingata sezicaka zam zasebenza emsebenzini, nesinye isiqingata sazo zabamba intshuntshe, namakaka, nezipeta, nehempe zentsimbi: kanjalo inkosi bezisemva kwayo yonke indlu ka‐Juda. 17Abo bakayo eludongeni, nabo batwala imitwalo, nabatwesayo, ngesinye isandla sabo basebenza, nangesinye babamba isikali, abanye ngabanye: 18ngokuba abaki, bonke ngabanye bebenamaṙele abo ebinqiwe ezinqeni zabo, baka ke. Kodwa lowo owavutelayo ngexilongo ebengakum. 19Ndati ke kwimiduna, nakumagosa, nakwabanye abantu: Umsebenzi umkulu, ubanzi; kanti tina sahlukene pezu kwodonga, omnye ekude nomnye: 20kulondawo apo niyivayo intlokoma yexilongo, butelani kona kuti; utixo wetu wosilwela.
21Saza sasebenza emsebenzini; bati esinye isiqingata sabo babamba intshuntshe kwa sekupumeni kwokusa kwada kwasekuveleni kwenkwenkwezi. 22Kanjalo ngeloxesha ndati ebantwini: Mabalalise bonke nezicaka zabo pakati kwe‐Yerusaleme, ukuze babe ngabalindi kuti ebusuku, bati emini basebenze. 23Saye singasusi izivato zetu, kwa mna, nabazalwana bam, nezicaka zam, nabalindi abandilandelayo; bonke baya nezikali zabo emanzini.
Currently Selected:
U‐Nehemiya 4: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.