Ivangeli ka‐Maraki 7:14-37

Ivangeli ka‐Maraki 7:14-37 XHO1902A

Waza wabiza sonke isihlwele, wati kubo: Ndipulapuleni nonke, niqonde ke: Akuko nto ngapandle kwomntu engati yakungena kuye imnco̔lise; koko ezonto zipuma kuye, zizo ezi ezinco̔lisayo umntu. Ukuba kuko onendlebe zokuva, makeve. Kwati kekaloku okuya abengene endlwini evela esihlweleni, bambuza abadisipile bake ngawo umzekeliso lowo. Waza wati kubo: Ningabo abangenakuqonda kangaka nani na? Aniqondi na ukuba konke okungapandle kwakungena emntwini akungemnco̔lise? ngokuba kungangeni entliziyweni yake, koko kungena esiswini, kuze kupumele endaweni yasese, okuhlanza konke ukutya. Wayesiti: Oko kupumayo emntwini, kuko oko okunco̔lisayo umntu. Ngokuba pakati kuyo intliziyo yabantu kupuma izicamango ezikohlakeleyo, iziṙexezo, imibulo, izibulalo, izibo̔, ububawa, ubumenemene, inkohliso, ubutshinitshini, iliso elikohlakeleyo, ugxeko, ir̔atshi, ubugeza: zonke ezizinto ezikohlakeleyo ziyapuma pakati, zimnco̔lise umntu. Waza wesuka apo, waya emideni yase‐Tire ne‐Tsidone; wati akuba engene endlwini, wafuna ukuba kungaziwa mntu; kanti ebengefihlakele. Ngokuba umfazi, ontombazana ibinomoya onco̔lileyo, evile ngaye nje, weza wawa pantsi ngasezinyaweni zake; (waye kekaloku engum‐Girikekazi umfazi lowo, engowase‐Siro‐fenisi ngesizwe:) wamtandaza ukuba idemoni ayiku̔pe entombini yake. Koko u‐Yesu wati kuye: Makuhlutiswe abantwana kuqala; ngokuba kungafanelekile ukuba kutatyatwe isonka sabantwana, siposwe ezinjeni. Wapendula ke wati kuye: Ewe, Nkosi! ngokuba nezinja zisitya ngapantsi kwetafile kwimvutuluka zentsapo. Waza wati kuye: Hamba ngenxa yelilizwi; idemoni ipumile kwintombi yako. Wemka ke waya endlwini yake, wafumana idemoni ipumile, nentombi ilele eluku̔kweni. Wati kekaloku wabuya wapuma emideni yase‐Tire ne‐Tsidone, weza ngaselwandle lwase‐Galili, ehamba pakati kwemida yase‐Dekapolisi. Baza bazisa kuye isitulu esitintitayo, bambongoza ukuba abeke isandla pezu kwaso. Waza wasipambukisa esihlweleni ngasese, wafaka iminwe yake ezindlebeni zaso, wati etshicile wacu̔kumisa ulwimi lwaso, waza wakangela ngasezulwini, wagula, wati kuso: Efata! oko kukuti: Vuleka! Zasezivulwa ke indlebe zaso, wati umbambo wolwimi lwaso wakululeka, salungisa ukuteta. Waza wabayala ukuba mabangaxeleli mntu: kodwa njengoko wabayalayo, bashumayela kwa ngako ngakumbi kakulu. Kanjalo babemangaliswa pezu kwembaliso, besiti: Uzenzile zonke izinto ngokulungileyo; nezitulu uyazenza ukuba zive, nezidenge ukuba zitete.