Ivangeli ka‐Maraki 3:22-35

Ivangeli ka‐Maraki 3:22-35 XHO1902A

Kanjalo abafarisi abebehlile e‐Yerusaleme bebesitsho ukuti: Uno‐Belezebule; nokuti: Uyaziku̔pa idemoni ngayo inkosi yedemoni. Waza wababiza, watsho kubo ngemizekeliso ukuti: Angati nina u‐Satane ukuku̔pa u‐Satane? Nobukumkani ukuba bupambene ngokwabo, abungeme ubukumkani obo: nendlu ukuba ipambene ngokwayo, ayingeme indlu leyo. No‐Satane ukuba uyazisukela, apambane ngokwake, akangeme, uza kugqityelwa ke. Akuko mntu ongati impahla zonamandla, akuba engene endlwini yake, azipange, nxa angatanga kuqala wamnxiba onamandla; waeya kupanga indlu yake oko. Ngokwenene nditi kuni: Zonke izono baya kuxolelwa zona onyana babantu, nezigxeko abasukuba begxeka ngazo; kodwa osukuba egxeka UMOYA OYINGCWELE, akanalo uxolelwa kude kube ngunapakade, koko emelwa kukugwetywa okungunapakade. Watsho, ukuba bebesiti: Unomoya onco̔lileyo. Bandula beza abazalwana bake nonina, abati bemi ngapandle batuma kuye, bembiza. Kekaloku isihlwele sasihleli simpahla; bati ke kuye: Nanku unyoko nabazalwana bako ngapandle bekufuna. Waza wapendula kubo, esiti: Ngubanina uma̔ umhlaumbi abazalwana bam? Waza esingasinga pezu kwabo babehleli bempahla, wati: Nanku uma̔ nabazalwana bam! ngokuba osukuba esenza intando KATIXO, enguye lowo umzalwana wam, nodade wam, noma̔.