Ke abachazi-mthetho ababevela eJerusalem babesithi unoSathana, besithi iindimoni ezi uzikhupha ngomphathi wazo. Ebabizele kuye abantu, uthethe nabo ezekelisa, esithi: “Angáthini na uSathana ukukhupha uSathana? Kaloku isizwe esivukelana sodwa siyachithakala; nomzi ovukelana wodwa uyachithakala. NoSathana ke, ukuba uvukelana noSathana, uya kuphanza angabikho. “Akukho bani unako ukungena endlwini yegorha, aze aphange impahla yalo, engathanga kuqala alibophe elo gorha, aze ke andule ukuyiphanga indlu yalo. “Inene, baya kuzixolelwa zonke izono oonyana babantu, kwanezinyeliso abasukuba benyelisa ngazo; kodwa yena othe wanyelisa uMoya oyiNgcwele akanako ukuxolelwa naphakade; unetyala lesono esingatshitshiyo.” UYesu watsho kuba babesithi unendimoni. Kwafika abantakwabo-Yesu kunye nonina, baza bathi, bemi ngaphandle, bayaleza ukuba makabizwe. Wayengqongwe sisihlwele sabantu, kwaza kwakho othi kuye: “Uxolo, nanku unyoko nabantakwenu ngaphandle, bekufuna.” Wabaphendula esithi: “Ngubani umama? Ngoobani bona abantakwethu?” Ebasingasingile ke abo babemngqongile, wathi: “Nguye lo umama nabantakwethu. Kaloku lowo uthe wakwenza ukuthanda kukaThixo nguye ongumntakwethu, nodade wethu, nomama.”
Funda UMARKO 3
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: UMARKO 3:22-35
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo