UMARKO 3:22-35
UMARKO 3:22-35 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ke abachazi-mthetho ababevela eJerusalem babesithi unoSathana, besithi iindimoni ezi uzikhupha ngomphathi wazo. Ebabizele kuye abantu, uthethe nabo ezekelisa, esithi: “Angáthini na uSathana ukukhupha uSathana? Kaloku isizwe esivukelana sodwa siyachithakala; nomzi ovukelana wodwa uyachithakala. NoSathana ke, ukuba uvukelana noSathana, uya kuphanza angabikho. “Akukho bani unako ukungena endlwini yegorha, aze aphange impahla yalo, engathanga kuqala alibophe elo gorha, aze ke andule ukuyiphanga indlu yalo. “Inene, baya kuzixolelwa zonke izono oonyana babantu, kwanezinyeliso abasukuba benyelisa ngazo; kodwa yena othe wanyelisa uMoya oyiNgcwele akanako ukuxolelwa naphakade; unetyala lesono esingatshitshiyo.” UYesu watsho kuba babesithi unendimoni. Kwafika abantakwabo-Yesu kunye nonina, baza bathi, bemi ngaphandle, bayaleza ukuba makabizwe. Wayengqongwe sisihlwele sabantu, kwaza kwakho othi kuye: “Uxolo, nanku unyoko nabantakwenu ngaphandle, bekufuna.” Wabaphendula esithi: “Ngubani umama? Ngoobani bona abantakwethu?” Ebasingasingile ke abo babemngqongile, wathi: “Nguye lo umama nabantakwethu. Kaloku lowo uthe wakwenza ukuthanda kukaThixo nguye ongumntakwethu, nodade wethu, nomama.”
UMARKO 3:22-35 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Baye bona ababhali, ababehle bevela eYerusalem, besithi, ÚnoBhelezebhule;• besithi, Iidemon ezi uzikhupha ngaye umphathi weedemon. Uthe ebabizele kuye, wathetha nabo ngemizekeliso, esithi, Angáthini na uSathana ukukhupha uSathana? Nobukumkani, ukuba buthe bahlulelana bodwa, abunako ukuma obo bukumkani; nendlu, ukuba ithe yahlulelana yodwa, ayinako ukuma loo ndlu; noSathana, ukuba uthe wazichasa ngokwakhe, wahlulelana yedwa, akanako ukuma, uphelile. Akukho unako ukuthi impahla yegorha angene endlwini yalo ayiphange, ukuba akathanga tanci alibophe igorha elo, andule ukuyiphanga indlu yalo. Inene ndithi kuni, Zonke izono baya kuzixolelwa oonyana babantu, kwanezinyeliso abasukuba benyelisa ngazo; ke yena othe wanyelisa uMoya oyiNgewele, akanako ukuxolelwa naphakade; unetyala lokugwetywa okungunaphakade. Watsho kuba besithi, Únomoya ongcolileyo. Bafika ke kaloku abazalwana bakhe nonina; bathi, bemi ngaphandle, bathumela kuye bembiza. Zaye izihlwele zihleli zimphahlile; bathi kuye, Nanku unyoko nabazalwana bakho ngaphandle, bekufuna. Wabaphendula esithi, Ngubani na uma? Ngoobani na nabazalwana bam? Akuba ebasingasingile ngeenxa zonke ababehleli bemphahlile, uthi, Nanku uma nabazalwana bam. Kuba othe wakwenza ukuthanda kukaThixo, lowo ngumzalwana wam, nodade wethu, noma.
UMARKO 3:22-35 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Baye bona ababhali, ababehle bevela eYerusalem, besithi, UnoBhelezebhule; Wababizela kuye, wathetha nabo ngemizekeliso, esithi, Angathini na uSathana ukukhupha uSathana? Nobukumkani, ukuba buthe bahlulelana bodwa, abunako ukuma obo bukumkani; nendlu, ukuba ithe yahlulelana yodwa, ayinako ukuma loo ndlu; NoSathana, ukuba uthe wazichasa ngokwakhe, wahlulelana yedwa, akanako ukuma, uphelile. Akukho bani unako ukungena endlwini yegorha elo, ayiphange impahla yalo, ukuba akathanga tanci alibophe igorha elo; andule ke ukuyiphanga indlu yakhe. Inene ndithi kuni, Zonke izono baya kuzixolelwa oonyana babantu, kwanezinyeliso abasukuba benyelisa ngazo; Ke yena othe wanyelisa uMoya oyiNgcwele, akanako ukuxolelwa naphakade; unetyala lokugwetywa okungunaphakade. Kuba besithi, Unomoya ongcolileyo. Bafika ngoko abazalwana bakhe nonina, bema ngaphandle, bathumela kuye bembiza. Zaye izihlwele zihleli zimphahlile; bathi kuye, Nanku unyoko nabazalwana bakho ngaphandle, bekufuna. Wabaphendula wathi, Ngubani na uma? Ngoobani na nabazalwana bam? Akuba ebasingasingile ngeenxa zonke ababehleli bemphahlile, wathi, Nanku uma nabazalwana bam. Kuba othe wakwenza ukuthanda kukaThixo, lowo ngumzalwana wam, nodade wethu, noma.
UMARKO 3:22-35 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kanjalo abafarisi abebehlile e‐Yerusaleme bebesitsho ukuti: Uno‐Belezebule; nokuti: Uyaziku̔pa idemoni ngayo inkosi yedemoni. Waza wababiza, watsho kubo ngemizekeliso ukuti: Angati nina u‐Satane ukuku̔pa u‐Satane? Nobukumkani ukuba bupambene ngokwabo, abungeme ubukumkani obo: nendlu ukuba ipambene ngokwayo, ayingeme indlu leyo. No‐Satane ukuba uyazisukela, apambane ngokwake, akangeme, uza kugqityelwa ke. Akuko mntu ongati impahla zonamandla, akuba engene endlwini yake, azipange, nxa angatanga kuqala wamnxiba onamandla; waeya kupanga indlu yake oko. Ngokwenene nditi kuni: Zonke izono baya kuxolelwa zona onyana babantu, nezigxeko abasukuba begxeka ngazo; kodwa osukuba egxeka UMOYA OYINGCWELE, akanalo uxolelwa kude kube ngunapakade, koko emelwa kukugwetywa okungunapakade. Watsho, ukuba bebesiti: Unomoya onco̔lileyo. Bandula beza abazalwana bake nonina, abati bemi ngapandle batuma kuye, bembiza. Kekaloku isihlwele sasihleli simpahla; bati ke kuye: Nanku unyoko nabazalwana bako ngapandle bekufuna. Waza wapendula kubo, esiti: Ngubanina uma̔ umhlaumbi abazalwana bam? Waza esingasinga pezu kwabo babehleli bempahla, wati: Nanku uma̔ nabazalwana bam! ngokuba osukuba esenza intando KATIXO, enguye lowo umzalwana wam, nodade wam, noma̔.