Waza wabuya wangena endlwini yentlanganiso. Kekaloku bekuko kona umntu enesandla esishwabeneyo: baza bamgqala, ukuba uya kumpilisa na ngemini yesabata, ukuze bamnike ityala. Waza wati emntwini obenesandla esishwabeneyo: Suka uze pakati. Waza wati kubo: Kufanelekile ngemini yesabata ukwenza okulungileyo, ukwenza okukohlakeleyo, kusinina? ukulondoloza uboni, ukubulala, kusinina? Koko bebesiti tu. Waza ebasingasingele ngengqumbo, ebuhlungu nokuba buhlungu ngenxa yobulukuni bentliziyo zabo, wati emntwini: Yolula isandla sako. Wayesolula ke; saza isandla sake sabuya senziwa sipilile njengesinye. Bapuma ke abafarisi, basebecebisana nabaherodi ngakuye, ukuze bambubise.
Waza u‐Yesu wemka nabadisipile bake waya ngaselwandle: sati ke isihlwele esikulu samlandela sivela e‐Galili, nase‐Judeya, nase‐Yerusaleme, nase‐Edomeya, napesheya kwe‐Yoredane; bati nabo bangase‐Tire ne‐Tsidone, isihlwele esikulu, bakuva izinto ezingakanana wazenzayo, beza kuye. Waza waxelela abadisipile bake, ukuba mawuti umkombe umhlalele kufupi ngenxa yesihlwele, ukuze bangamxinezeli. Ngokuba ebepilise abaninzi, bada bamxinanela ukuze bamcu̔kumise, kwa bonke abebenezibulawa. Nomoya abanco̔lileyo, bati bakumbona, bawa pantsi pambi kwake, badanduluka, besiti: Ungunyana KATIXO wena. Waza wabayala kakulu, ukuba mabangamtyili.
Waza wenyukela entabeni, wabiza abo wabetanda ukubiza bona: basuka baya kuye. Kanjalo wamisa abalishumi linababini, ukuze babe naye, nokuze abatume ukuba bashumayele, nokuba babe negunya lokupilisa izifo, nokuba baku̔pe idemoni: Wati u‐Simone wamtiya igama elingu‐Petrosi; no‐Yakobi unyana ka‐Zebedi, no‐Johane umninawe ka‐Yakobi; (wati bona wabatiya ngamagama ango‐Bowaneregesi, okukuti, Onyana bodudumo;) no‐Andreya, no‐Filipi, no‐Batolomeyu, no‐Mateyu, no‐Tomasi, no‐Yakobi unyana ka‐Alefeyu, no‐Tadeyu, no‐Simone umkanani, no‐Jude Sikariyoti, okwa nguye owamngcatshayo.
BAZA bangena endlwini. Sati isihlwele sabuya sabutana, bada bakohlwa nokutya isonka. Zaza zati izihlobo zake zakuva, zapuma ukuya kumbamba; ngokuba zibe zisiti: Ulihilihili.