Wabuya wangena endlwini yesikhungu. Kwaye kukho apho umntu onesandla esomileyo. Baye bemlalele, ukuba womphilisa na ngesabatha, ukuze bammangalele. Athi kuloo mntu unesandla esomileyo, Phakama uze phakathi. Athi kubo, Okuvumelekileyo ngesabatha kukwenza okulungileyo, kukwenza okubi, kusini na? Kukusindisa, kukubulala, kusini na? Ke bahlala bathi tu. Akuba ebasingasingile ngengqumbo, ebuhlungu ngenxa yokuqaqadeka kwentliziyo yabo, uthi kumntu lowo, Solule isandla sakho. Wasolula, sabuya saphila ke isandla sakhe, saba kwanjengesinye. Baphuma abaFarisi, benza kwaoko ibhunga namaHerode ngaye, lokuba bamtshabalalise.
Wemka uYesu nabafundi bakhe, waya elwandle; yamlandela inkitha eninzi, ivela kwelaseGalili, nakwelakwaYuda, naseYerusalem, nakwelakwaIdume,• naphesheya kweYordan; nabo bangaseTire nabaseTsidon, inkitha eninzi; bathi, bakuva izinto ezinkulu abezenza, beza kuye. Wathi kubafundi bakhe, umkhonjana mawuhlale umlindile ngenxa yezihlwele, ukuze bangamxini. Kuba waphilisa babaninzi, ngokokude bathi ngunga phezu kwakhe, ukuze bamchukumise bonke ababenezibetho; nabo oomoya abangcolileyo babesithi, xa sukuba bembona, bawe phantsi kuye, bakhale, besithi, Ùnguye wena uNyana kaThixo. Wayebakhalimela kakhulu ukuba bangamtyhili.
Uthi ke anyuke intaba, abizele kuye abo abethanda ukubabiza yena ngokwakhe; besuka beza kuye. Wadala balishumi elinababini, ukuze babe naye, nokuze abathume baye kuvakalisa ubukumkani bukaThixo, babe negunya lokuziphilisa izifo, nelokuzikhupha iidemon. YanguSimon, awamthiya igama elinguPetros; yanguYakobi lo kaZebhedi, noYohane umzalwana kaYakobi, awathi bona wabathiya amagama okuba ngooBhowanerges, oko kukuthi, ngabeendudumo; yanguAndreya, noFilipu, noBhartolomeyu, noMateyu, noTomas, noYakobi, lo ka-Alifeyu, noTadeyu, noSimon Kanan, noYuda Sikariyoti, owamngcatshayo nokumngcatsha.
Bathi beze ekhaya; kubuye kubuthelane izihlwele, ngokokude bangabi nako nokudla isonka. Bevile abakowabo, baphuma beya kumbamba; kuba babesithi, Úyageza.