UMARKO 3:1-21
UMARKO 3:1-21 IBHAYIBHILE (XHO96)
Waphinda uYesu wangena *endlwini yesikhungo. Apho kwakukho umntu owayome isandla. Babemlalele ke befuna ukubona ukuba womphilisa na *ngoMhla woPhumlo, ukuze bammangalele. UYesu wathi kuloo mntu wayome isandla: “Phakama, uze ngaphambili.” Waza wathi kubo: “Okuvumelekileyo ngoMhla woPhumlo kukwenza okulungileyo, kukwenza okubi; kukuphilisa, kukubulala; kusini na?” Kwathi cwaka. Akuba ebasingasingile, ebuhlungu ngenxa yokuqaqadeka kweentliziyo zabo, wathi kumntu lowo: “Solule isandla sakho.” Wasolula, saza saphila isandla sakhe. Kwangoko ke baphuma *abaFarasi, baya kubhunga *namaHerode, becebisana ngokubulala uYesu. Wemka uYesu, enabafundi bakhe, waya elwandle. Yamlandela inkitha yabantu, ivela kwelaseGalili, nakwelakwaJuda, naseJerusalem, nase-Edom, naphesheya kweJordan, nakwimimandla yeTire neSidon. Loo nkitha ininzi yeza kuYesu, kuba yayivile ngemimangaliso yakhe. Wathi kubafundi bakhe mabamlungiselele isikhitshana, hleze axinwe sisihlwele, kuba wayephilise abantu abaninzi, baza bonke abanezifo bathi ngunga phezu kwakhe, ukuze bamchukumise. Naxa sukuba abantu abaneendimoni bembona, babesiwa phambi kwakhe, bakhale, besithi: “Unguye wena uNyana kaThixo!” Wayebakhalimela kakhulu ke ukuba bangamazisi ebantwini. UYesu ke wenyuka intaba, wabiza abo wayefuna bamlandele. Baya kuye ke, waza wamisela abalishumi elinambini awababiza ngokuba *ngabathunywa, ebamisela ukuba babe kunye naye nokuba abathume baye kushumayela, ebanike igunya lokukhupha iindimoni. Wamisela aba ke: uSimon, awamthiya igama elinguPetros; uYakobi, unyana kaZebhedi, noYohane umninawe wakhe, awathi bona wabathiya amagama okuba ngooBhowanerges, oko kukuthi ngooSatsha; uAndreya noFilipu, noBhartolomeyu, noMatewu, noTomas, noYakobi unyana ka-Alifeyu, noTadeyu, noSimon owayengoweqela lamaTsha-ntliziyo, noJudas Sikariyoti, owayeza kumngcatsha. UYesu ke wangena endlwini, kwaza kwakhona kwabuthelana isihlwele. Kwakuxinene kangangokuba yena nabafundi bakhe bangabi nako nokutya oku. Bevile ngale nto, abakowabo baphuma besiya kumphuthuma, kuba kwakusithiwa: “Ushiywe ziingqondo.”
UMARKO 3:1-21 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Wabuya wangena endlwini yesikhungu. Kwaye kukho apho umntu onesandla esomileyo. Baye bemlalele, ukuba womphilisa na ngesabatha, ukuze bammangalele. Athi kuloo mntu unesandla esomileyo, Phakama uze phakathi. Athi kubo, Okuvumelekileyo ngesabatha kukwenza okulungileyo, kukwenza okubi, kusini na? Kukusindisa, kukubulala, kusini na? Ke bahlala bathi tu. Akuba ebasingasingile ngengqumbo, ebuhlungu ngenxa yokuqaqadeka kwentliziyo yabo, uthi kumntu lowo, Solule isandla sakho. Wasolula, sabuya saphila ke isandla sakhe, saba kwanjengesinye. Baphuma abaFarisi, benza kwaoko ibhunga namaHerode ngaye, lokuba bamtshabalalise. Wemka uYesu nabafundi bakhe, waya elwandle; yamlandela inkitha eninzi, ivela kwelaseGalili, nakwelakwaYuda, naseYerusalem, nakwelakwaIdume,• naphesheya kweYordan; nabo bangaseTire nabaseTsidon, inkitha eninzi; bathi, bakuva izinto ezinkulu abezenza, beza kuye. Wathi kubafundi bakhe, umkhonjana mawuhlale umlindile ngenxa yezihlwele, ukuze bangamxini. Kuba waphilisa babaninzi, ngokokude bathi ngunga phezu kwakhe, ukuze bamchukumise bonke ababenezibetho; nabo oomoya abangcolileyo babesithi, xa sukuba bembona, bawe phantsi kuye, bakhale, besithi, Ùnguye wena uNyana kaThixo. Wayebakhalimela kakhulu ukuba bangamtyhili. Uthi ke anyuke intaba, abizele kuye abo abethanda ukubabiza yena ngokwakhe; besuka beza kuye. Wadala balishumi elinababini, ukuze babe naye, nokuze abathume baye kuvakalisa ubukumkani bukaThixo, babe negunya lokuziphilisa izifo, nelokuzikhupha iidemon. YanguSimon, awamthiya igama elinguPetros; yanguYakobi lo kaZebhedi, noYohane umzalwana kaYakobi, awathi bona wabathiya amagama okuba ngooBhowanerges, oko kukuthi, ngabeendudumo; yanguAndreya, noFilipu, noBhartolomeyu, noMateyu, noTomas, noYakobi, lo ka-Alifeyu, noTadeyu, noSimon Kanan, noYuda Sikariyoti, owamngcatshayo nokumngcatsha. Bathi beze ekhaya; kubuye kubuthelane izihlwele, ngokokude bangabi nako nokudla isonka. Bevile abakowabo, baphuma beya kumbamba; kuba babesithi, Úyageza.
UMARKO 3:1-21 IBHAYIBHILE (XHO96)
Waphinda uYesu wangena *endlwini yesikhungo. Apho kwakukho umntu owayome isandla. Babemlalele ke befuna ukubona ukuba womphilisa na *ngoMhla woPhumlo, ukuze bammangalele. UYesu wathi kuloo mntu wayome isandla: “Phakama, uze ngaphambili.” Waza wathi kubo: “Okuvumelekileyo ngoMhla woPhumlo kukwenza okulungileyo, kukwenza okubi; kukuphilisa, kukubulala; kusini na?” Kwathi cwaka. Akuba ebasingasingile, ebuhlungu ngenxa yokuqaqadeka kweentliziyo zabo, wathi kumntu lowo: “Solule isandla sakho.” Wasolula, saza saphila isandla sakhe. Kwangoko ke baphuma *abaFarasi, baya kubhunga *namaHerode, becebisana ngokubulala uYesu. Wemka uYesu, enabafundi bakhe, waya elwandle. Yamlandela inkitha yabantu, ivela kwelaseGalili, nakwelakwaJuda, naseJerusalem, nase-Edom, naphesheya kweJordan, nakwimimandla yeTire neSidon. Loo nkitha ininzi yeza kuYesu, kuba yayivile ngemimangaliso yakhe. Wathi kubafundi bakhe mabamlungiselele isikhitshana, hleze axinwe sisihlwele, kuba wayephilise abantu abaninzi, baza bonke abanezifo bathi ngunga phezu kwakhe, ukuze bamchukumise. Naxa sukuba abantu abaneendimoni bembona, babesiwa phambi kwakhe, bakhale, besithi: “Unguye wena uNyana kaThixo!” Wayebakhalimela kakhulu ke ukuba bangamazisi ebantwini. UYesu ke wenyuka intaba, wabiza abo wayefuna bamlandele. Baya kuye ke, waza wamisela abalishumi elinambini awababiza ngokuba *ngabathunywa, ebamisela ukuba babe kunye naye nokuba abathume baye kushumayela, ebanike igunya lokukhupha iindimoni. Wamisela aba ke: uSimon, awamthiya igama elinguPetros; uYakobi, unyana kaZebhedi, noYohane umninawe wakhe, awathi bona wabathiya amagama okuba ngooBhowanerges, oko kukuthi ngooSatsha; uAndreya noFilipu, noBhartolomeyu, noMatewu, noTomas, noYakobi unyana ka-Alifeyu, noTadeyu, noSimon owayengoweqela lamaTsha-ntliziyo, noJudas Sikariyoti, owayeza kumngcatsha. UYesu ke wangena endlwini, kwaza kwakhona kwabuthelana isihlwele. Kwakuxinene kangangokuba yena nabafundi bakhe bangabi nako nokutya oku. Bevile ngale nto, abakowabo baphuma besiya kumphuthuma, kuba kwakusithiwa: “Ushiywe ziingqondo.”
UMARKO 3:1-21 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Wabuya wangena endlwini yesikhungu; Kwaye kukho apho umntu onesandla esomileyo. Baye ke bemlalele ukubona ukuba womphilisa na ngesabatha; ukuze bammangalele. Athi kuloo mntu unesandla esomileyo, Phakama uze phakathi. Athi kubo, Okuvumelekileyo ngesabatha kukwenza okulungileyo, kukwenza okubi, kusini na? Kukusindisa, kukubulala, kusini na? Bathi tu ke bona. Akuba ebasingasingile ngengqumbo, ebuhlungu ngenxa yokuqaqadeka kwentliziyo yabo, wathi kumntu lowo, Solule isandla sakho. Wasolula, saphila ke isandla sakhe, saba ngesinye. Baphuma abaFarisi, benza kwaoko ibhunga namaHerode ngaye, lokuba bamtshabalalise. Wemka uYesu nabafundi bakhe, waya elwandle; yamlandela inkitha enkulu yaseGalili nakwelakwaYuda naseYerusalem, nakwaIdume, naphesheya kweYordan; NakwelaseTire neTsidon, inkitha enkulu, yakuva ukuba zininzi kwazo izinto abezenza, yeza kuye. Waza wathi kubafundi bakhe, umkhonjana umlinde ngenxa yendimbane, hleze bamxinzelele phantsi. Kuba wayephilise abantu abaninzi; ngokokude bathi ngunga phezu kwakhe, ukuze bamchukumise bonke ababenezibetho; Nabo oomoya abangcolileyo babesithi, xa sukuba bembona, bawe phantsi kuye, bakhale, besithi, Wena unguye uNyana kaThixo. Wabakhalimela ukuba bangamtyhili. Unyuke ke intaba, abizele kuye abo abethanda ukubabiza yena ngokwakhe; beza kuye. Wamisela abalishumi elinababini, ukuze babe naye, nokuba abathume baye kushumayela; nokuba negunya lokuphilisa izifo, nelokukhupha iidemon; Kwaye uSimon awamthiya ngokuba nguPetros; noYakobi kaZebhedi, noYohane umzalwana kaYakobi; Waza wabathiya igama elinguBhowanerges, oko kukuthi, oonyana beendudumo; noAndreya, noFilipu, noBhartolomeyu, noMateyu, noTomas, noYakobi ka-Alifeyu, noTadeyu, noSimon umKanan, NoYuda Sikariyoti, lowo wamngcatshayo naye, bangena endlwini. Kwabuya kwahlanganisana isihlwele, ngokokude bangabi nakutya isonka. Bakuva ke oogxa bakhe, baphuma besiya kumbamba; kuba babesithi, Uyageza.
UMARKO 3:1-21 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Waza wabuya wangena endlwini yentlanganiso. Kekaloku bekuko kona umntu enesandla esishwabeneyo: baza bamgqala, ukuba uya kumpilisa na ngemini yesabata, ukuze bamnike ityala. Waza wati emntwini obenesandla esishwabeneyo: Suka uze pakati. Waza wati kubo: Kufanelekile ngemini yesabata ukwenza okulungileyo, ukwenza okukohlakeleyo, kusinina? ukulondoloza uboni, ukubulala, kusinina? Koko bebesiti tu. Waza ebasingasingele ngengqumbo, ebuhlungu nokuba buhlungu ngenxa yobulukuni bentliziyo zabo, wati emntwini: Yolula isandla sako. Wayesolula ke; saza isandla sake sabuya senziwa sipilile njengesinye. Bapuma ke abafarisi, basebecebisana nabaherodi ngakuye, ukuze bambubise. Waza u‐Yesu wemka nabadisipile bake waya ngaselwandle: sati ke isihlwele esikulu samlandela sivela e‐Galili, nase‐Judeya, nase‐Yerusaleme, nase‐Edomeya, napesheya kwe‐Yoredane; bati nabo bangase‐Tire ne‐Tsidone, isihlwele esikulu, bakuva izinto ezingakanana wazenzayo, beza kuye. Waza waxelela abadisipile bake, ukuba mawuti umkombe umhlalele kufupi ngenxa yesihlwele, ukuze bangamxinezeli. Ngokuba ebepilise abaninzi, bada bamxinanela ukuze bamcu̔kumise, kwa bonke abebenezibulawa. Nomoya abanco̔lileyo, bati bakumbona, bawa pantsi pambi kwake, badanduluka, besiti: Ungunyana KATIXO wena. Waza wabayala kakulu, ukuba mabangamtyili. Waza wenyukela entabeni, wabiza abo wabetanda ukubiza bona: basuka baya kuye. Kanjalo wamisa abalishumi linababini, ukuze babe naye, nokuze abatume ukuba bashumayele, nokuba babe negunya lokupilisa izifo, nokuba baku̔pe idemoni: Wati u‐Simone wamtiya igama elingu‐Petrosi; no‐Yakobi unyana ka‐Zebedi, no‐Johane umninawe ka‐Yakobi; (wati bona wabatiya ngamagama ango‐Bowaneregesi, okukuti, Onyana bodudumo;) no‐Andreya, no‐Filipi, no‐Batolomeyu, no‐Mateyu, no‐Tomasi, no‐Yakobi unyana ka‐Alefeyu, no‐Tadeyu, no‐Simone umkanani, no‐Jude Sikariyoti, okwa nguye owamngcatshayo. BAZA bangena endlwini. Sati isihlwele sabuya sabutana, bada bakohlwa nokutya isonka. Zaza zati izihlobo zake zakuva, zapuma ukuya kumbamba; ngokuba zibe zisiti: Ulihilihili.