Koko kuleyo imihla, emveni kwembandezelo leyo, ilanga liya kwenziwa mnyama, nenyanga ayiyi kunika ukukanya kwayo, nenkwenkwezi zezulu ziya kuwa kulo, namandla asezulwini aya kuzanyazanyiswa: kwandul’ ukubonwa unyana wesintu esiza emafini, enamandla amakulu nobungcwalisa. Waeya kwandula atume ingelosi zake, abutele ndawonye abaqashwa bake bevela emimoyeni yomine, kwa sencameni yomhlaba kude kube sencameni yezulu. Kanifunde umzekeliso ngomkiwane: Xeshekweni isebe lawo lise litambile, lipuma amagqabi, niyazi ukuba likufupi ihlobo: kwa njalo nani, xeshekweni nibona ezizinto zisihla, yazini ukuba kukufupi oko ngasemnyango. Ngokwenene nditi kuni: Asiyi kuza sidlule isizukulwana esi, zide zonke ezizinto zibe zenzekile. Kwodlula izulu nomhlaba; kodwa amazwi am akayi kuza adlule. Kodwa akuko mntu owaziyo ngayo leyomini neyure; azazi ingelosi ezisezulwini, kwa NONYANA; NGUBAWO owaziyo kupela. Lumkani, papamani nitandaze; ngokuba ningalazi ixesha ukuba liba ninina. Ngokuba unyana wesintu enjengomntu ohambele kwelinye ilizwe, owashiya indlu yake, wazinika izicaka zake igunya, nezinye ngezinye umsebenzi wazo, wayalela umgcinimnyango ukuba alinde. Lindani ke ngoko; ngokuba ningazi ukuba umninindlu uyeza ninina, nokuba kungokuhlwa na, nokuba kupakati kwobusuku na, nokuba kusekulileni kwenkuku na, nokuba kungokusa na; hleze ati, esiza ngokwalama, anifumane nilele.
Funda Ivangeli ka‐Maraki 13
Share
Compare All Versions: Ivangeli ka‐Maraki 13:24-36
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos