U‐Mika 7
7
1Au mna! ngokuba ndinjengokuya kubutiwe iziqa̔mo zehlobo, njengokuya kubikiciwe ekuvunweni kwazo idreyive: akuko isipa sokutyiwa; umpefumlo wam uyakanuka amakiwane avutwa kuqala. 2Onobubele ububile elizweni; onobunene pakati kwabantu akako; bonke bayalalela igazi; bayazingelana ngotambo. 3Izandla zabo zikolisile ukwenza inkohlakalo; inkosi iyacela, nomgwebi uyacelela umvuzo; nomntu omkulu yena uyateta inkanuko yompefumlo wake; bayayipata indawo ngobugwenxa. 4Odlula ngokulunga pakati kwabo unjengameva; odlula ngobunene ubukali pezu kwotango lweminga; umhla wabalindi bako, owokwohlwaywa kwako, uyeza; kwobako kaloku ukuxakeka kwabo. 5Ningakolwa kumlingane; ningatembeli kwisihlobo: kulowo ulalayo esifubeni sako gcina ingcango zomlomo wako. 6Ngokuba unyana ecekisa uyise: intombi iyasukela unina; umolokazana uyasukela unondoda; intshaba zomntu zingabantu beyake indlu.
7Mna kodwa ndiya kukangela kuyehova; ndiya kumlinda utixo wosindiswa lwam; woti utixo wam andive. 8Ungandivuyeli, lutshaba lwam! nakuba ndiwile, ndobuya ndipakame; nakuba ndihlala ebumnyameni, uyehova ulukanyiso kum. 9Ukuṙala kukayehova ndiya kukunyamezela, ngokuba ndonile ngakuye; ade apikise upikiso lwam, alungise ityala lam: wondipumisela ekukanyeni; ndiya kubona ubulungisa bake. 10Utshabakazi lwam nalo luya kubona, lize idano lilugubungele; olwati kum: Upina uyehova, utixo wako? amehlo am olukangela; kaloku lwoba yinto yokunyatelwa njengenkunkuma yezitarate. 11Umhla kuya kwakiwa indonga zako, kwa umhla lowo kwopumela kude umteto. 12Kwa umhla lowo baya kuza kuwe bevela e‐Asiriya kude kube se Jipete, nakuyo i‐Jipete kude kube semlanjeni, nakulwandle kude kube lulwandle, nakwintaba kude kube yintaba. 13Kodwa ilizwe loba yingci̔takalo ngenxa yabemi balo, ngenxa yesixakato sezenzo zabo.
14Yalusa abantu bako ngentonga, umhlambi welifa lako, abahlala bodwa ehlatini, pakati kwe‐Karamele; mabadlele e‐Bashane nase‐Gileyadi, njengasemihleni yakudala.
15Njengasemihleni yokupuma kwako e‐Jipete, ndiya kubabonisa imimangaliso. 16Abaheyideni baya kubona, badanele onke amandla abo; isandla bosibeka pezu kwomlomo; indlebe zabo zoba butulu. 17Baya kukota utuli njengenyoka; njengezinambuzane zomhlaba baya kungcangcazela bepuma ezinqatyeni zabo; bobeka ngokunkwantya kuyehova, utixo wetu, bakwoyike wena.
18Ngubanina ongutixo njengawe, oxolela inkohlakalo, odlula ekwoneni kwesisalela selifa lake? akabambi ingqumbo yake kude kube ngunapakade, ngokuba etanda ububele yena. 19Wobuya abe nenceba kuti; uya kuzeyisa inkohlakalo zetu; ewe, zonke izono zabo woziposela ezinzulwini zolwandle wena. 20Uya kunika inyaniso ebixelwa ku‐Yakobi, nobubele obebuxelwa ku‐Abrahame, obufungeleyo kobawo betu kwa kuselokwemihla yakudala.
Currently Selected:
U‐Mika 7: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.