Kekaloku akuza unyana wesintu ebungcwaliseni bake, nazo zonke ingelosi ezingcwele kunye naye, uya kwandula ahlale pezu kweterone yobungcwalisa bake; kwaye kuya kuhlanganiswa pambi kwake zonke intlanga; waeya kubahlula abanye kwabanye, njengokuba umalusi esahlula izimvu ezibokweni; ati izimvu ke azimise ngasekunene kuye, ati kodwa ibokwe azimise ngasekohlo.
Oko nya kuti ukumkani kwabo bangasekunene kuye: Yizani, nina batanyusanqelweyo NGUBAWO! yidlani ilifa lobukumkani obulungiselwe nina kwa sekumisweni kwelizwe: ngokuba bendilambile, naza nandipa ukutya; bendinxaniwe, naza nandiseza; bendingowasemzini, naza nandamkela endlwini; bendizé, naza nandambesa; bendisifa, naza nandilunguza; bendisentolongweni, neza kum ke. Baya kwandula ukupendula kuye abalungileyo, besiti: Nkosi! bekuninina esakubona ulambile, saza sakwondla; umhlaumbi unxaniwe, saza sakuseza? bekuninina esakubona ungowasemzini, saza sakwamkela endlwini; umhlaumbi uzé, saza sakwambesa? bekuninina esakubona usifa, umhlaumbi usentolongweni, seza kuwe ke? Waeya kupendula ukumkani ati kubo: Ngokwenene nditi kuni: Ngendawo yokuba nibe nisenje njalo kwomnye waba abazalwana bam noko amncinane kubo bonke, nibe nisenje njalo kum.
Oko uya kuti nakwabo bangasekohlo: Mkani kum, nina baqalekisiweyo! niye emlilweni ongunapakade, olungiselwe u‐Satane nengelosi zake: ngokuba bendilambile, anandipa ukutya ke; bendinxaniwe, anandiseza ke; bendingowasemzini, anandamkela endlwini ke; bendizé, anandambesa ke; bendisifa, bendisentolongweni kanjalo, anaza kundibona ke. Baya kwandula ukupendula kuye nabo, besiti: Nkosi! bekuninina esakubona ulambile, umhlaumbi unxaniwe, umhlaumbi ungowasemzini, umhlaumbi uzé, umhlaumbi usifa, umhlaumbi usentolongweni, saza asakwonga? Uya kwandula apendule kubo, esiti: Ngokwenene nditi kuni: Ngendawo yokuba nibe ningenje njalo kwomnye waba noko amncinane kubo bonke, nibe ningenje njalo nakum. Babeya kumka aba ukuya ekubetweni okungunapakade, kodwa abalungileyo ukuya ebomini obungunapakade.