Ivangeli ka‐Mateyu 13:1-32

Ivangeli ka‐Mateyu 13:1-32 XHO1902A

KWA ngalomini wapuma u‐Yesu endlwini, wahlala pantsi ngaselwandle. Zaza zabutela kuye izihlwele ezininzi, wada wangena enqanaweni, wahlala pantsi: saye sonke isihlwele sibe simi elunxwemeni. Waza wateta kubo indawo ezininzi ngemizekeliso, esiti: Bona ke, umhlwayeli wapuma ukuya kuhlwayela; nasekuhlwayeleni kwake, ezinye inkozo zawa ngasendleleni, zati intaka zeza zazidla. Zawa nezinye endaweni ebulwalwa, apo bezingenawo umhlaba omninzi; zaza zasezipuma kamsinya, ngokuba zingenabo ubunzulu bomhlaba: zati nxa ilanga belipumile, zatshiswa; nangokuba zingenangcambo, zabuna. Zawa nezinye endaweni yemitolo; yaza imitolo yahluma, yazitshwencisa. Zawa nezinye emhlabeni olungileyo, zanika isiqa̔mo ke, olunye ngekulu, nolunye ngamashumi matandatu, nolunye ngamashumi matatu. Onendlebe zokuva, makeve. Beza ke abadisipile bati kuye: Kunganina ukuba utete nabo ngemizekeliso? Wapendula wati kubo: Kungokuba kunikiwe nina ukwazi imfihlakalo zobukumkani bezulu, kodwa akunikwanga bona abo. Ngokuba lowo usukuba enako, kuya kupiwa yena, waeya kwanezelelwa; kanti osukuba engenako, uya kuhlutwa kwa oko anako. Kungenxa yoku enditeta nabo ngemizekeliso; ukuba bebona nje bengaboni, nokuba besiva nje bengeva, bengaqondi nokuqonda. Kuze kuzalisekiswe kubo isiprofitesho sika‐Yisaya sokuti: Ngokuva niya kuva, ningezi niqonde; nibona nje niya kubona, ningezi niqiqe: ngokuba intliziyo yababantu idikiwe, nendlebe bazenze nzima ukuva kwazo, namehlo abo bawacimile; hleze babone ngamehlo, beve ngendlebe, baqonde ngentliziyo, baguquke, ndibapilise. Kodwa nina anetamsanqa amehlo enu, ukuba ebona; nendlebe zenu, ukuba zisiva. Ngokuba ngokwenene ndisiti kuni: Baninzi abaprofite nabantu abalungileyo ababenqwenela ukubona izinto enizibonayo, kanti abazibonanga; nokuva izinto enizivayo, kanti abazivanga. Nina ngoko yivani umzekeliso womhlwayeli: Nxa sukuba umntu esiva ilizwi lobukumkani, engaqondi ke, uyeza okohlakeleyo, ahlute oko kuhlwayelweyo entliziyweni yake: nguye lo owayehlwayelwa ngasendleleni. Nowayehlwayelwa endaweni ebulwalwa, nguye lo oti ilizwi alive, asuke alamkele ngovuyo; koko engenangcambo pakati kwake, uyenza umzuzu kodwa; kuze kuti, kwakuhla imbandezelo umhlaumbi intshutshiso ngenxa yelizwi, asuke axakaniswe. Nowayehlwayelwa endaweni yemitolo, nguye lo oti ilizwi alive; kanti isitukutezi selilizwe likoyo, nenkohliso yobutyebi, ziyaṙwisha ilizwi, lize liputiswe. Nowayehlwayelwa emhlabeni olungileyo, nguye lo oti ilizwi alive, aliqonde; oti kanjalo axakate izixakato, enze omnye ngokulikulu, nomnye ngokungamashumi matandatu, nomnye ngokungamashumi matatu. Omnye umzekeliso wawubeka pambi kwabo, esiti: Ubukumkani bezulu bufanekiswa nomntu owahlwayela imbewu elungileyo entsimini yake; koko, nxa bekulala abantu, kweza utshaba lwake lwahlwayela izizani kwa pakati kwayo inqolowa, lwemka ke. Kwaza kwati, okuya besihlumile isitombo, savelisa isiqa̔mo, kwandul’ ukubonakala izizani nazo. Zaye zisiza izicaka zomninindlu zati kuye: Nkosi! akwahlwayela imbewu elungileyo na entsimini yako? izuze pina pofu izizani? Waza wati kuzo: Ngumntu olutshaba okwenzileyo oku. Zati izicaka kuye: Uze utande na ukuba siye sizibute? Wati: Hai; hleze niti, nakuzibuta izizani, niyidonyule kunye nazo inqolowa: ziyekeni zombini zimile ndawonye kude kuvunwe; nangexesha lokuvuna ndiya kuti kubavuni: Zibuteni tanci izizani, nibope zona ngezitungu zitshiswe; kodwa inqolowa yinlanganiseleni esiseleni sam. Omnye umzekeliso wawubeka pambi kwabo, esiti: Ubukumkani bezulu bufana nokozo lwembewu yemositade, owalutabatayo umntu, waluhlwayela entsimini yake: eti okunene leyombewu ibe ncinane kuzo zonke imbewu; iti kodwa nxa imilileyo, ibe nkulu kayo imifuno, ibe ngumti, zide zize intaka zezulu, zihlale emasebeni awo.