Kwangaloo mini waphuma uYesu endlwini, waya wahlala ngaselwandle. Kwahlanganisana kuye abantu abaninzi, wada yena wangena emkhombeni, wahlala phantsi; yaye yonke indimbane yema elunxwemeni. Wathetha kubo iindawo ezininzi ngemizekeliso, esithi, Yabonani, umhlwayeli waphuma waya kuhlwayela. Ekuhlwayeleni kwakhe, inxalenye yembewu yawa ngasendleleni, zeza iintaka zayidla zayigqiba. Embi yawa ezindaweni ezilulwalwa, apho ibingenamhlaba mninzi; Zathi ke lakuphuma ilanga zagqatswa; zaza ngenxa yokuba zingenangcambu zoma kwaphela. Embi yawa emithaneni enameva; imithana enameva yakhula, yayiminxa. Enye yawa kuwo wona umhlaba olungileyo, yavelisa isiqhamo, enye ikhulu, enye amashumi amathandathu, nenye amashumi amathathu. Lowo uneendlebe zokuva makeve. Beza abafundi bathi kuye, Kungani na ukuba uthethe kubo ngemizekeliso? Waphendula ke wathi kubo, Kungokuba nikuphiwe nina ukuzazi iimfihlelo zobukumkani bamazulu, babe ke bona bengakuphiwanga. Kuba osukuba enako, yena uya kuphiwa, aze abe nako ngokugqithiseleyo; kodwa osukuba engenako, uya kuhluthwa kwanoko anako. Ngoko ke ndithetha nabo ngemizekeliso, kuba bona ababoni; besiva nje abeva, bengaqondi noko. Sizaliseka kubo ke isiprofeto sikaIsaya esithi, Ukuva niya kuva, ningaqondi; nokubona niya kubona, ningaqiqi; Kuba intliziyo yaba bantu ithe fithi kukutyeba, Beva ngeendlebe ezithe nkqi, Bayawacima namehlo abo; hleze babone ngamehlo, beve ngeendlebe, baqonde ngentliziyo, bajike, ndibaphilise. Kodwa anethamsanqa amehlo enu, ngokuba ebona; neendlebe zenu, ngokuba zisiva. Kuba ndithi kuni, Inene, baninzi abaprofeti nabantu abangamalungisa, abanqwenelayo ukuzibona izinto enizibonayo abazibona; nokuva izinto enizivayo, anaziva. Nina ngoko wuveni umzekeliso womhlwayeli: akubon’ ukuba ubani uyaliva ilizwi lobukumkani, engaliqondi, uyafika ongendawo, akuhluthe okuhlwayelwe entliziyweni yakhe; Nguye lo owahlwayelwa ngasendleleni; Lowo ke uhlwayelwe ezindaweni ezilulwalwa, ngulo ulivayo ilizwi, alamkele kwaoko ngovuyo; abe ke engenangcambu ngaphakathi kwakhe, eme umzuzwana kodwa; uthi ke kwakuhla imbandezelo nokuba yintshutshiso ngenxa yelizwi, akhutyekiswe kwaoko. Lowo uhlwayelwe emithaneni enameva, ngulo ulivayo ilizwi; Lithe ke ixhala leli phakade, nokulukuhla kobutyebi, kuliminxe ilizwi, lisuke lingabi nasiqhamo. Lowo ke uhlwayelwe kuwo umhlaba omhle, ngulo ulivayo ilizwi aliqonde; luxakatha isiqhamo, omnye lixakathe ikhulu, omnye amashumi amathandathu, nomnye amashumi amathathu. Wababekela omnye umzekeliso, esithi, Ubukumkani bamazulu bufanekiswa nomntu owahlwayela imbewu entle entsimini yakhe. Kuthe ke, xa baleleyo abantu, lwafika utshaba lwakhe, lwahlwayela umdiza phakathi kwengqolowa, lwemka. Ithe ke yakudubula, yakuba neenkozo, wandula ukubonakala nomdiza. Bezile ke abakhonzi bomninindlu, bathi kuye, Nkosi, ubungahlwayelanga imbewu entle yini na entsimini yakho? luvela phi na ke umdiza? Wathi kubo, Ngumntu olutshaba owenze le nto. Bathi abakhonzi kuye, Uyathanda na ke ukuba siye siwubuthe? Uthe ke yena, Hayi; hleze nithi, xa niwubuthayo umdiza, nincothule nengqolowa kunye nawo. Yekani kukhule ndawonye kokubini, kude kube sekuvuneni; ngexa ke lokuvuna ndothi kubavuni, Buthani kuqala umdiza, niwubophe ube zizithungu, utshiswe, kodwa yona ingqolowa yihlanganiseleni kuvimba wam. Wababekela omnye umzekeliso, esithi, Ubukumkani bamazulu bufana nokhozo lwemostade, awaluthabathayo umntu, waluhlwayela entsimini yakhe. Olona luncinane kuzo zonke iimbewu; kodwa xa luthe lwahluma, luyayidlula imifuno ngobukhulu, lube ngumthi, ngokokude iintaka zezulu zize zihlale emasebeni awo.