KWA ngalomini wapuma u‐Yesu endlwini, wahlala pantsi ngaselwandle. Zaza zabutela kuye izihlwele ezininzi, wada wangena enqanaweni, wahlala pantsi: saye sonke isihlwele sibe simi elunxwemeni. Waza wateta kubo indawo ezininzi ngemizekeliso, esiti:
Bona ke, umhlwayeli wapuma ukuya kuhlwayela; nasekuhlwayeleni kwake, ezinye inkozo zawa ngasendleleni, zati intaka zeza zazidla. Zawa nezinye endaweni ebulwalwa, apo bezingenawo umhlaba omninzi; zaza zasezipuma kamsinya, ngokuba zingenabo ubunzulu bomhlaba: zati nxa ilanga belipumile, zatshiswa; nangokuba zingenangcambo, zabuna. Zawa nezinye endaweni yemitolo; yaza imitolo yahluma, yazitshwencisa. Zawa nezinye emhlabeni olungileyo, zanika isiqa̔mo ke, olunye ngekulu, nolunye ngamashumi matandatu, nolunye ngamashumi matatu. Onendlebe zokuva, makeve.
Beza ke abadisipile bati kuye: Kunganina ukuba utete nabo ngemizekeliso? Wapendula wati kubo: Kungokuba kunikiwe nina ukwazi imfihlakalo zobukumkani bezulu, kodwa akunikwanga bona abo. Ngokuba lowo usukuba enako, kuya kupiwa yena, waeya kwanezelelwa; kanti osukuba engenako, uya kuhlutwa kwa oko anako. Kungenxa yoku enditeta nabo ngemizekeliso; ukuba bebona nje bengaboni, nokuba besiva nje bengeva, bengaqondi nokuqonda. Kuze kuzalisekiswe kubo isiprofitesho sika‐Yisaya sokuti: Ngokuva niya kuva, ningezi niqonde; nibona nje niya kubona, ningezi niqiqe: ngokuba intliziyo yababantu idikiwe, nendlebe bazenze nzima ukuva kwazo, namehlo abo bawacimile; hleze babone ngamehlo, beve ngendlebe, baqonde ngentliziyo, baguquke, ndibapilise. Kodwa nina anetamsanqa amehlo enu, ukuba ebona; nendlebe zenu, ukuba zisiva. Ngokuba ngokwenene ndisiti kuni: Baninzi abaprofite nabantu abalungileyo ababenqwenela ukubona izinto enizibonayo, kanti abazibonanga; nokuva izinto enizivayo, kanti abazivanga.
Nina ngoko yivani umzekeliso womhlwayeli: Nxa sukuba umntu esiva ilizwi lobukumkani, engaqondi ke, uyeza okohlakeleyo, ahlute oko kuhlwayelweyo entliziyweni yake: nguye lo owayehlwayelwa ngasendleleni. Nowayehlwayelwa endaweni ebulwalwa, nguye lo oti ilizwi alive, asuke alamkele ngovuyo; koko engenangcambo pakati kwake, uyenza umzuzu kodwa; kuze kuti, kwakuhla imbandezelo umhlaumbi intshutshiso ngenxa yelizwi, asuke axakaniswe. Nowayehlwayelwa endaweni yemitolo, nguye lo oti ilizwi alive; kanti isitukutezi selilizwe likoyo, nenkohliso yobutyebi, ziyaṙwisha ilizwi, lize liputiswe. Nowayehlwayelwa emhlabeni olungileyo, nguye lo oti ilizwi alive, aliqonde; oti kanjalo axakate izixakato, enze omnye ngokulikulu, nomnye ngokungamashumi matandatu, nomnye ngokungamashumi matatu.