Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

uMateyu 13:1-23

uMateyu 13:1-23 CXB24

Kwangaloo mini waphuma uYesu endlwini, waya wahlala ngaselwandle. Kwahlanganisana kuye abantu abaninzi, wada yena wangena emkhombeni, wahlala phantsi; yaye yonke indimbane yema elunxwemeni. Wathetha kubo iindawo ezininzi ngemizekeliso, esithi, Yabonani, umhlwayeli waphuma waya kuhlwayela. Ekuhlwayeleni kwakhe, inxalenye yembewu yawa ngasendleleni, zeza iintaka zayidla zayigqiba. Embi yawa ezindaweni ezilulwalwa, apho ibingenamhlaba mninzi; Zathi ke lakuphuma ilanga zagqatswa; zaza ngenxa yokuba zingenangcambu zoma kwaphela. Embi yawa emithaneni enameva; imithana enameva yakhula, yayiminxa. Enye yawa kuwo wona umhlaba olungileyo, yavelisa isiqhamo, enye ikhulu, enye amashumi amathandathu, nenye amashumi amathathu. Lowo uneendlebe zokuva makeve. Beza abafundi bathi kuye, Kungani na ukuba uthethe kubo ngemizekeliso? Waphendula ke wathi kubo, Kungokuba nikuphiwe nina ukuzazi iimfihlelo zobukumkani bamazulu, babe ke bona bengakuphiwanga. Kuba osukuba enako, yena uya kuphiwa, aze abe nako ngokugqithiseleyo; kodwa osukuba engenako, uya kuhluthwa kwanoko anako. Ngoko ke ndithetha nabo ngemizekeliso, kuba bona ababoni; besiva nje abeva, bengaqondi noko. Sizaliseka kubo ke isiprofeto sikaIsaya esithi, Ukuva niya kuva, ningaqondi; nokubona niya kubona, ningaqiqi; Kuba intliziyo yaba bantu ithe fithi kukutyeba, Beva ngeendlebe ezithe nkqi, Bayawacima namehlo abo; hleze babone ngamehlo, beve ngeendlebe, baqonde ngentliziyo, bajike, ndibaphilise. Kodwa anethamsanqa amehlo enu, ngokuba ebona; neendlebe zenu, ngokuba zisiva. Kuba ndithi kuni, Inene, baninzi abaprofeti nabantu abangamalungisa, abanqwenelayo ukuzibona izinto enizibonayo abazibona; nokuva izinto enizivayo, anaziva. Nina ngoko wuveni umzekeliso womhlwayeli: akubon’ ukuba ubani uyaliva ilizwi lobukumkani, engaliqondi, uyafika ongendawo, akuhluthe okuhlwayelwe entliziyweni yakhe; Nguye lo owahlwayelwa ngasendleleni; Lowo ke uhlwayelwe ezindaweni ezilulwalwa, ngulo ulivayo ilizwi, alamkele kwaoko ngovuyo; abe ke engenangcambu ngaphakathi kwakhe, eme umzuzwana kodwa; uthi ke kwakuhla imbandezelo nokuba yintshutshiso ngenxa yelizwi, akhutyekiswe kwaoko. Lowo uhlwayelwe emithaneni enameva, ngulo ulivayo ilizwi; Lithe ke ixhala leli phakade, nokulukuhla kobutyebi, kuliminxe ilizwi, lisuke lingabi nasiqhamo. Lowo ke uhlwayelwe kuwo umhlaba omhle, ngulo ulivayo ilizwi aliqonde; luxakatha isiqhamo, omnye lixakathe ikhulu, omnye amashumi amathandathu, nomnye amashumi amathathu.