U‐Malaki 2

2
1Nakaloku kutunyiwe kuni lomyalelo, baperisite! 2Nxa ningayi kupulapula, nanxa ningayi kubeka intliziyo, ukuba kudunyiswe igama lam, utsho uyehova wemikosi, ndiya kwandula nditume isiqalekiso pakati kwenu, ndiwaqalekise amatamsanqa enu: ewe, ndowaqalekisa onke ngamanye, ngokuba ningabeki intliziyo. 3Bona ke, ndiya kukalimela imbewu yenu; ndandiya kuci̔ta umswane pezu kwobuso benu, umswane wemibingo yemitendeleko yenu; nani nosuswa kunye nawo. 4Naniya kukwazi ukuba ndiwutumile kuni lomyalelo, luze lubeko ucebano lwam no‐Levi, utsho uyehova wemikosi. 5Ucebano lwam beluko naye, ubomi noxolo; ndandizinika kuye, ngenxa yokwoyika wandoyika ngako, nokunkwantya abenako pambi kwegama lam. 6Umteto wenyaniso ubusemlonyeni wake; ubumenemene bebungafunyanwa pezu kwodebe lwake; wahamba nam ngoxolo nangolungelelano, nabaninzi wabanqanda enkohlakalweni. 7Ngokuba umlomo womperisite ngeugcina ukwazi, nomteto ngekufunwa wona emlonyeni wake; ngokuba yena esisitunywa sikayehova wemikosi. 8Nina kodwa, nipambukile endleleni, nibaku̔bekisile abaninzi emtetweni, nilwonakalisile ucebano luka‐Levi, utsho uyehova wemikosi. 9Ngako nam ndinenzile abadelekileyo nabatobekileyo pambi kwabo bonke abantu; ngokokuba ningagcinanga indlela zam, kodwa nipete umteto ngokuketa abantu.
10TINA sonke asinaye ubawo emnye na? asi nguye utixo emnye osidalileyo na? kunganina ukuba sipatane ngobuxoki, siludyoba ucebano lwobawo betu nje? 11U‐Juda wenzile ngobuxoki, nento eyintshontsho yenziwe kwa‐Sirayeli nase‐Yerusaleme; ngokuba u‐Juda ebudyobile ubungcwele bukayehova, obo wabutandayo, wayizeka intombi yotixo wasemzini. 12Uyehova uya kunqamla umntu okwenzayo oku, lowo olindayo, nalowo opendulayo, ezintenteni zakwa‐Yakobi, nalowo onikela umnikelo wokudla kuyehova wemikosi. 13Lento ke niyenzile ngokwesibini, nigubungela isibingelo sikayehova ngenyembezi, ngokulila nangokugula, ude ungabi sabekwa umnikelo, ungamkelwa ngembuko esandleni senu kanjalo. 14Noko niti: Ngenxa yanina? Ngenxa yokuba uyehova ebelinqi̔na pakati kwako nomfazi wobutsha bako, owenzileyo ngobuxoki ngakuye, nangona abengumlinganekazi wako, nomfazi wocebano lwako. 15Kanene akamnye na amdalileyo, nakuba abenesisalela somoya? Ebemnye nganina? Ngokuba efuna inzalo katixo. Ngako lumkelani umoya wenu, ukuba kungabiko owenza ngobuxoki emfazini wobutsha bake. 16Ngokuba etiya ukuba kulahlwe, utsho uyehova, utixo wo‐Sirayeli, nokuba indoda igubungele ingubo yayo ngobudlwengu, utsho uyehova wemikosi: ngako lumkelani umoya wenu, ukuba ningenzi ngobuxoki.
17NIMDINISILE uyehova ngamazwi enu. Noko niti: Simdinisile ngokuyinina? Ngokutsho kwenu ukuti: Bonke abakwenza okukohlakeleyo balungile emehlweni kayehova, uyabatanda; umhlaumbi ngokuti: Upina utixo wobugwebo?

Currently Selected:

U‐Malaki 2: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena