Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

Ivangeli ka‐Luke 6:46-49

Ivangeli ka‐Luke 6:46-49 XHO1902A

Kodwa yinina ukuba nindibiza ngokuti, Nkosi, Nkosi! kanti anizenzi izinto endizitetayo? Osukuba esiza kum, eweva namazwi am, ewenza nokuwenza, ndonibonisa lowo afana naye: Ufana nomntu obesaka indlu, owemba wangxoka, wabeka umsekelo elulwalweni: kwati kwakubako ukukukula kwamanzi, umsinga watyobozela ngakulondlu, kanti awaba nako ukuyishukumisa; ngokuba ibisekelwe elulwalweni. Kodwa owevayo, engenzanga ke, ufana nomntu owaka indlu emhlabeni ingenawo umsekelo: owati umsinga watyobozela ngakuyo; yasuka yawa; kwaye kukulu ke ukuci̔takala kwalondlu.