Ivangeli ka‐Luke 20:27-47

Ivangeli ka‐Luke 20:27-47 XHO1902A

Kwaye kusiza kuye abatile bakubasadusi, abakanyelayo ukuba kuko uvuko, bambuza, besiti: Mfundisi! u‐Mosesi wasiba̔lela ukuti: Xeshekweni kufayo umkuluwe womntu, enomfazi, afe lowo engenabantwana, makati umninawe wake azeke umfazi wake, amvusele umkuluwe wake inzalo. Kekaloku bekuko abazalwana abasixe̔nxe: waza owokuqala wazeka umfazi, wafa engenabantwana. Waza owesibini wazeka umfazi wake, wati naló wafa engenabantwana. Waza owesitatu wamzeka; benje njalo kwa nabasixe̔nxe; abashiya bantwana ke, bafa nokufa. Wati emveni kwabo bonke wafa nomfazi. Ngako eluvukweni, uba ngumfazi wawupina kubo? ngokuba abasixe̔nxe bebenaye engumfazi. Waza wapendula wati kubo u‐Yesu: Usapo lwelilizwe likoyo luyazeka, luyendiswa kanjako; kodwa abo babalwa ngokuba befanele ukuzuza elolizwe lizayo, nokuvuka ekufeni, abazeki, abendiswa kanjako: ngokuba bengenako nokuba babuye bafe: ngokuba befana nengelosi; kanjalo balusapo LUKATIXO, belusapo lwaseluvukweni. Kodwa ukuba bayavuswa abafileyo, kuxelwe nangu‐Mosesi endaweni yetyolo, akuti UYEHOVA u NGUTIXO ka‐Abrahame, NOTIXO ka‐Yisake, NOTIXO ka‐Yakobi. Kekaloku aka NGUTIXO wabafileyo, ungowabahleliyo; ngokuba bonke behleli kuye. Baza bapendula abatile bakubaba̔li, bati: Mfundisi! ulungisile ukutsho. Baye bengabi senakukalipa kwokumbuza nto. Wayesiti kubo: Bati nina ukuti u‐Kristu ungunyana ka‐Davide? Kanti u‐Davide ngokwake uti encwadini yamaculo: Wati UYEHOVA KWINKOSI yam: Hlala ngasekunene kum, ndide ndenze intshaba zako zibe sisitulo senyawo zako. U‐Davide ngoko uyambiza NGENKOSI; aze ati nina ke ukuba ngunyana wake? Kekaloku nxa bebesiva bonke abantu, wati kubadisipile bake: Lumkelani ababa̔li, abafuna ukuhamba ngengubo ezinde, abatanda izibuliso ezindaweni zentengo, nezihlalo zapambili ezindlwini zentlanganiso, nendawo zobukulu ezidlweni; abadlayo izindlu zabahlolokazi, besenza nemitandazo emide ngokuzenzisa: aba baya kwamkela ukugwetywa okukulu ngakumbi.