Kwafika ke kuye abathile bakubaSadusi, bona abo bakuphikayo ukuba kukho uvuko; bambuza, besithi, Mfundisi, uMoses wasibhalela wathi, Ukuba ozalana nothile uthe wafa enomfazi, wafa ke lowo engenabantwana, maze ozalana naye amzeke umfazi lowo, amvelisele imbewu umzalwana wakhe. Ke bekukho abantu abasixhenxe bezalana; waza owokuqala wazeka umfazi, wafa engenabantwana. Nowesibini wamzeka umfazi lowo, wafa naye engenabantwana. Nowesithathu wamzeka; Benjenjalo ke bosixhenxe, bafa bengashiyanga bantwana. Emveni ke kwabo bonke, wafa naye umfazi. Eluvukweni ngoko, ungumfazi wawuphi na kubo? kuba abasixhenxe bebenaye engumfazi. Waphendula ke uYesu wathi kubo, Abeli phakade bayazeka, bayendiswa; ke bona abo kuthiwe bafanele ukufika kwelo phakade, nakukuvuka kwabafileyo, abazeki, abendiswa; abasenakubuya bafe; kuba bengangezithunywa zezulu; bangoonyana bakaThixo, bengabovuko njalo. Ke kaloku, le ndawo yokuba abafileyo bayavuka, noMoses wayithi thupha kwindawo ethetha ngetyholo, xenikweni athi, iNkosi inguThixo ka-Abraham, inguThixo kaIsake, inguThixo kaYakobi. AkaThixo ke wabafileyo, ungowabaphilileyo; kuba bonke baphile ngaye. Baphendula ke abathile bakubabhali, bathi, Mfundisi, utyaphile ukutsho. Baye ke bengasenabuganga bakumbuza nento le. Wayesithi kubo, Batsho ngani na ukuthi, uKristu ngunyana kaDavide? Uthi noDavide encwadini yeeNdumiso, Yathi iNkosi eNkosini yam, Hlala ngasekunene kwam; Ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho. uDavide ngoko umbiza ngokuthi, Nkosi, ungunyana wakhe ngani na? Ke kaloku, bakubon’ ukuba bayava abantu bonke, wathi kubafundi bakhe. Balumkeleni ababhali, abathanda ukuhamba ngezambatho ezinde, nemibuliso ezindaweni zembutho, nezihlalo eziphambili ezindlwini zesikhungu, neendawo eziphambili ezidlweni; abadla izindlu zabahlolokazi, baze ngokunyhwalaza bathandaze uzungu; abo baya kwamkela ugwebo olugqithiseleyo.