Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

Ivangeli ka‐Luke 20:1-19

Ivangeli ka‐Luke 20:1-19 XHO1902A

Kwaza kwati ngomnye wemihla leyo, nxa ebefundisa abantu etempileni, eshumayela ivangeli, basondela abaperisite abakulu, nababa̔li, kunye nabadala, bateta kuye, besiti: Sixelele, uzenza ezizinto ngegunya lanina? umhlaumbi ungubanina owanika kuwe eligunya? Koko wapendula wati kubo: Nam ndobuza kuni indawo ibe nye, nize nindixelele ke. Ubapitizesho luka‐Johane beluvela ezulwini, beluvela ebantwini, kusinina? Baza babuzana omnye nomnye, besiti: Ukuba siti: Ezulwini; woti: Kunganina pofu ukuba anikolwanga nguye? Kodwa ukuba siti: Ebantwini; bonke abantu bosigibisela ngamatye: ngokuba bekoliwe ukuba u‐Johane ebengumprofite. Baza bapendula ukuba abazi beluvela pina. Wati no‐Yesu kubo: Nam andixeleli nina kungelanina igunya endizenza ezizinto. Waza waqala ukuteta ebantwini umzekeliso lo: Umntu otile watyala isitiya, wasiqashisela kubalimi, wahambela kwelinye ilizwe kwada kwakade. Wati ngexesha elifanelekileyo watuma kubalimi isicaka, ukuze banike kuso kwiziqa̔mo zesitiya. Kodwa abalimi basityabula, basimkisa singenanto. Waza walekela watuma esinye isicaka; neso ke basityabula, basipata ngento ehlazekileyo, basimkisa singenanto. Walekela watuma nesesitatu; nesi ke basilimaza, bamku̔pela pandle. Waza wati umninisitiya: Ndiya kwenza nto nina? ndiya kutuma unyana wam otandiweyo; kungaba lo bakumbona baya kumhlonela. Kodwa bakumbona abalimi abo, babuzana omnye nomnye, besiti: Lo uyindlalifa; yizani, masimbulale, ukuze ilifa libe leletu. Baza bamku̔pela pandle kwesitiya, bambulala. Uya kwenza nto nina ngoko kubo umninisitiya? Uya kuza atshabalalise abalimi aba, anike isitiya kwabanye. Bati ke bakuva oko: Kwanga kungebe njalo! Kodwa ebakangele wati: Kuyinto nina oku pofu okuba̔liweyo: Ilitye babelilahlile abaki, elona laba yintloko yegumbi? Osukuba esiwa pezu kwelolitye, uya kutyunyuzwa; kodwa lowo liwa pezu kwake, liya kumti viti. Baza abaperisite abakulu nababa̔li bafuna ukubeka izandla pezu kwake kwa ngeloxeshana, kanti boyika abantu: ngokuba bebenakene ukuba lomzekeliso wawuteta ngakubo.