Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

ULUKA 20:1-19

ULUKA 20:1-19 XHO96

Kwathi ngenye imini, uYesu efundisa abantu *endlwini kaThixo, eshumayela iindaba ezimnandi, kwafika kuye ababingeleli abaziintloko, nabachazi-mthetho, namadoda amakhulu. Bona bathetha naye besithi: “Khawutsho: ezi zinto uzenza ngagunya lini? Ingubani kakade okunike elo gunya?” Waphendula ke wathi kubo: “Nam ndiza kunibuza umbuzo ube mnye; ze nindiphendule ke. Ngaba ubhaptizo lukaYohane lwaluvela ezulwini, okanye lwaluvela ebantwini?” Baxoxa bodwa besithi: “Ukuba sithe: ‘Lwaluvela ezulwini,’ wothi: ‘Kwakutheni ke phofu ukuze ningakholwa?’ Ukuba sithe: ‘Lwavela ebantwini,’ bonke abantu bosixuluba ngamatye, kuba babemvuma uYohane ukuba *ungumshumayeli.” Baphendula ke ngokuthi àbazi ukuba lwaluvela phi na. Waza wathi kubo: “Nam ke andinixeleli ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto.” Ke uYesu wabenzela umzekeliso abantu, wathi: “Umntu othile watyala isidiliya, waqeshisa ngaso kubalimi, wahambela kwelinye ilizwe ixesha elide. Ngexesha lokuvuthwa kweziqhamo wathuma isicaka kwabo balimi, ukuze bamnike eziqhameni zesidiliya eso. Basuka bona abalimi basibetha eso sicaka, semka singaphathanga nto. Wabuya wathuma esinye isicaka kubo. Basibetha ke naso, badlala ngaso, naso semka singaphathanga nto. Wabuya wathuma nesesithathu. Bathi naso basingxwelerha, basigxotha. Wathi umnini-sidiliya: ‘Ndiya kuyithini na le nto? Mandithume unyana wam endimthandayo. Mhlawumbi bomhlonela yena.’ Kodwa bakumbona abalimi, bathi omnye komnye: ‘Yindlalifa le. Masiyibulale, ilifa libe lelethu.’ Bamkhuphela ngaphandle kwesidiliya ke unyana lowo, bambulala. “Uya kuthini ke ngoko umnini-sidiliya? Wofika ababulale abo balimi, asinikele kubambi eso sidiliya.” Bakukuva oko, bathi: “Makungabi njalo!” Waza wabakhangela wathi: “Ithetha ntoni ke phofu le ndawo *eziBhalweni ithi: “ ‘Ilitye abâlideláyo abakhi lilo elaba lelona libalulekileyo lesiseko’? “Bonke abathe bawa phezu kweli litye botyumka; ke bona elithe labawela bocoleka.” Baza ke abachazi-mthetho nababingeleli abaziintloko bafuna ukumbamba kwangelo lixa, kodwa babesoyika abantu, kuba babesazi ukuba uwuthethe esingise kubo lo mzekeliso.