ULUKA 20:1-19
ULUKA 20:1-19 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Kwathi ngenye imini, akubon' ukuba uyabafundisa abantu etempileni, eshumayela iindaba ezilungileyo, wafikelwa ngababingeleli abakhulu nababhali, kunye namadoda amakhulu. Bathetha kuye besithi, Sixelele; ùzenza ngagunya lini na ezi zinto? Kanjalo ngubani na okunike eli gunya? Waphendula ke wathi kubo, Nam ndiya kubuza kuni zwi-nye, ize nindixelele ke. Ubhaptizo lukaYohane lwaluphuma emazulwini, lwaluphuma ebantwini, sini na? Bacamanga ke bona bodwa, besithi, Ukuba sithe, Lwaphuma emazulwini, wothi, Ibiyini na phofu ukuba ningakholwa nguye? Ukuba ke sithe, Lwaphuma ebantwini, bonke abantu bosigibisela ngamatye; kuba beyisekile ukuba uYohane ungumprofeti. Baphendula ngokuthi, àbazi ukuba lwaphuma phi na. Wathi ke uYesu kubo, Nam ke andinixeleli ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto. Ke kaloku waqala wathetha ebantwini lo mzekeliso: Umntu othile watyala isidiliya, waqeshisa ngaso kubalimi, wahambela kwelinye ilizwe umzuzu owaneleyo. Wathi ngalo ixesha elifanelekileyo, wathuma umkhonzi kubalimi, ukuba bamnike esiqhameni sesidiliya. Basuka ke bona abalimi bamtyabula, bamndulula elambatha. Waphinda wathuma omnye umkhonzi. Bamtyabula ke nalowo, bamhlazisa, bamndulula elambatha. Waphinda wathuma nowesithathu. Bathi ke bona bamngxwelerha nalowo, bamkhupha. Uthe ke umninisidiliya, Ndiya kuthini na? Ndiya kuthuma unyana wam oyintanda; mhlawumbi, bakumbona, bangamhlonela yena. Bathe ke abalimi, bakumbona, bacamanga bodwa, besithi, Yindlalifa le; yizani siyibulale, ukuze ilifa libe lelethu. Bamkhuphela ngaphandle kwesidiliya, bambulala. Úya kuthini na ke ngoko kubo umninisidiliya? Uya kufika abatshabalalise abo balimi, asinikele bambi isidiliya eso. Bathe ke bakukuva oko, Mayingabikho loo nto! Wondela ke kubo, wathi, Yintoni na phofu le ibhaliweyo: Ilitye abalicekisáyo abakhi, Lelona laba yintloko yembombo? (INdum. 118:22) Bonke abathe bawa phezu kweli litye, botyumka; ke bona elithe labawela, lobabetha bathi saa. Baza ababingeleli abakhulu nababhali bafuna ukumsa izandla ngelo lixa; boyika abantu, kuba babesazi ukuba uwuthethe esingisele kubo lo mzekeliso.
ULUKA 20:1-19 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kwathi ngenye imini, uYesu efundisa abantu *endlwini kaThixo, eshumayela iindaba ezimnandi, kwafika kuye ababingeleli abaziintloko, nabachazi-mthetho, namadoda amakhulu. Bona bathetha naye besithi: “Khawutsho: ezi zinto uzenza ngagunya lini? Ingubani kakade okunike elo gunya?” Waphendula ke wathi kubo: “Nam ndiza kunibuza umbuzo ube mnye; ze nindiphendule ke. Ngaba ubhaptizo lukaYohane lwaluvela ezulwini, okanye lwaluvela ebantwini?” Baxoxa bodwa besithi: “Ukuba sithe: ‘Lwaluvela ezulwini,’ wothi: ‘Kwakutheni ke phofu ukuze ningakholwa?’ Ukuba sithe: ‘Lwavela ebantwini,’ bonke abantu bosixuluba ngamatye, kuba babemvuma uYohane ukuba *ungumshumayeli.” Baphendula ke ngokuthi àbazi ukuba lwaluvela phi na. Waza wathi kubo: “Nam ke andinixeleli ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto.” Ke uYesu wabenzela umzekeliso abantu, wathi: “Umntu othile watyala isidiliya, waqeshisa ngaso kubalimi, wahambela kwelinye ilizwe ixesha elide. Ngexesha lokuvuthwa kweziqhamo wathuma isicaka kwabo balimi, ukuze bamnike eziqhameni zesidiliya eso. Basuka bona abalimi basibetha eso sicaka, semka singaphathanga nto. Wabuya wathuma esinye isicaka kubo. Basibetha ke naso, badlala ngaso, naso semka singaphathanga nto. Wabuya wathuma nesesithathu. Bathi naso basingxwelerha, basigxotha. Wathi umnini-sidiliya: ‘Ndiya kuyithini na le nto? Mandithume unyana wam endimthandayo. Mhlawumbi bomhlonela yena.’ Kodwa bakumbona abalimi, bathi omnye komnye: ‘Yindlalifa le. Masiyibulale, ilifa libe lelethu.’ Bamkhuphela ngaphandle kwesidiliya ke unyana lowo, bambulala. “Uya kuthini ke ngoko umnini-sidiliya? Wofika ababulale abo balimi, asinikele kubambi eso sidiliya.” Bakukuva oko, bathi: “Makungabi njalo!” Waza wabakhangela wathi: “Ithetha ntoni ke phofu le ndawo *eziBhalweni ithi: “ ‘Ilitye abâlideláyo abakhi lilo elaba lelona libalulekileyo lesiseko’? “Bonke abathe bawa phezu kweli litye botyumka; ke bona elithe labawela bocoleka.” Baza ke abachazi-mthetho nababingeleli abaziintloko bafuna ukumbamba kwangelo lixa, kodwa babesoyika abantu, kuba babesazi ukuba uwuthethe esingise kubo lo mzekeliso.

ULUKA 20:1-19 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kwathi ngenye imini, akubon’ ukuba uyabafundisa abantu etempileni, eshumayela iindaba ezilungileyo, wafikelwa ngababingeleli abakhulu nababhali, namadoda amakhulu. Bathetha kuye besithi, Sixelele; uzenza ngagunya lini na ezi zinto? Ngubani na ke okunike eli gunya? Waphendula ke wathi kubo, Nam ndiya kubuza kuni zwi-nye; kwaye undiphendule: Ubhaptizo lukaYohane lwaluphuma emazulwini, lwaluphuma ebantwini, sini na? Bacamanga ke bona bodwa, besithi, Ukuba sithe, Lwaluphuma emazulwini; Wothi, Ibiyini na phofu ukuba ningakholwa nguye? Ukuba ke sithe, Lwaphuma ebantwini; bonke abantu bosigibisela ngamatye; kuba beyisekile ukuba uYohane ubengumprofeti. Baphendula ngokuthi, abazi ukuba luvela phi na. Wathi ke uYesu kubo, Nam ke andinixeleli ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto. Waza waqala wathetha ebantwini lo mzekeliso; Ubani watyala isidiliya, waqeshisa ngaso kubalimi, wahambela kwelinye ilizwe umzuzu owaneleyo. Wathi ngelo xesha, wathuma umkhonzi kubalimi, ukuba bamnike esiqhameni sesidiliya; ke bona abalimi bamtyabula, bamndulula elambatha. Wabuya wathuma omnye umkhonzi. Bamtyabula ke nalowo, bamhlazisa, bamndulula elambatha. Waphinda wathuma nowesithathu; naye lowo bamngxwelerha, bamkhuphela ngaphandle. Uthe ke umninisidiliya, Ndiya kuthini na? Ndiya kuthuma unyana wam oyintanda; mhlawumbi bomhlonela yena. Bathe ke bakumbona abalimi, bacamanga bodwa, besithi, Yindlalifa le; yizani, siyibulale, ukuze ilifa libe lelethu. Bamkhuphela ngaphandle kwesidiliya, bambulala. Uya kuthini na ke ngoko kubo umninisidiliya? Uya kufika abatshabalalise abo balimi, asinikele bambi isidiliya eso. Bakuva ke bona, bathi, Makube lee! Wondela ke kubo, wathi, Yintoni na phofu le ibhaliweyo: Ilitye abalicekisayo abakhi, Lelona laba yintloko yembombo? Bonke abathe bawa phezu kweli litye, botyumka; ke lowo lithe lamwela liya kumcola. Baza ababingeleli abakhulu nababhali bafuna ukumsa izandla ngelo lixa; basuka boyika abantu, kuba baqonda ukuba uwuthethe ngabo lo mzekeliso.
ULUKA 20:1-19 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kwaza kwati ngomnye wemihla leyo, nxa ebefundisa abantu etempileni, eshumayela ivangeli, basondela abaperisite abakulu, nababa̔li, kunye nabadala, bateta kuye, besiti: Sixelele, uzenza ezizinto ngegunya lanina? umhlaumbi ungubanina owanika kuwe eligunya? Koko wapendula wati kubo: Nam ndobuza kuni indawo ibe nye, nize nindixelele ke. Ubapitizesho luka‐Johane beluvela ezulwini, beluvela ebantwini, kusinina? Baza babuzana omnye nomnye, besiti: Ukuba siti: Ezulwini; woti: Kunganina pofu ukuba anikolwanga nguye? Kodwa ukuba siti: Ebantwini; bonke abantu bosigibisela ngamatye: ngokuba bekoliwe ukuba u‐Johane ebengumprofite. Baza bapendula ukuba abazi beluvela pina. Wati no‐Yesu kubo: Nam andixeleli nina kungelanina igunya endizenza ezizinto. Waza waqala ukuteta ebantwini umzekeliso lo: Umntu otile watyala isitiya, wasiqashisela kubalimi, wahambela kwelinye ilizwe kwada kwakade. Wati ngexesha elifanelekileyo watuma kubalimi isicaka, ukuze banike kuso kwiziqa̔mo zesitiya. Kodwa abalimi basityabula, basimkisa singenanto. Waza walekela watuma esinye isicaka; neso ke basityabula, basipata ngento ehlazekileyo, basimkisa singenanto. Walekela watuma nesesitatu; nesi ke basilimaza, bamku̔pela pandle. Waza wati umninisitiya: Ndiya kwenza nto nina? ndiya kutuma unyana wam otandiweyo; kungaba lo bakumbona baya kumhlonela. Kodwa bakumbona abalimi abo, babuzana omnye nomnye, besiti: Lo uyindlalifa; yizani, masimbulale, ukuze ilifa libe leletu. Baza bamku̔pela pandle kwesitiya, bambulala. Uya kwenza nto nina ngoko kubo umninisitiya? Uya kuza atshabalalise abalimi aba, anike isitiya kwabanye. Bati ke bakuva oko: Kwanga kungebe njalo! Kodwa ebakangele wati: Kuyinto nina oku pofu okuba̔liweyo: Ilitye babelilahlile abaki, elona laba yintloko yegumbi? Osukuba esiwa pezu kwelolitye, uya kutyunyuzwa; kodwa lowo liwa pezu kwake, liya kumti viti. Baza abaperisite abakulu nababa̔li bafuna ukubeka izandla pezu kwake kwa ngeloxeshana, kanti boyika abantu: ngokuba bebenakene ukuba lomzekeliso wawuteta ngakubo.