I‐Levitikusi 21
21
1WANDULA wati uyehova ku‐Mosesi: Teta kubaperisite, onyana baka‐Arone, uti kubo: Ngenxa yofileyo akayi kuzinco̔lisa umperisite pakati kwabantu bake: 2kupela ngenxa yesalamane sake esikufupi kuye, ngenxa yonina, nangenxa yoyise, nangenxa yonyana wake, nangenxa yentombi yake, nangenxa yomninawe wake; 3nangenxa yodade wake oyintombi ipela, okufupi kuye, ongekabi nandoda; ngenxa yaló uya kuzinco̔lisa. 4Akayi kuzinco̔lisa nangenxa yoyinkosi pakati kwabantu bake, ukuba azidyobe. 5Abayi kwenza ubunqai pezu kwentloko zabo, nezincam zendevu zabo abayi kuzigugula, nasenyameni yabo abayi kugebula izigebu. 6Boba ngabangcwele kutixo wabo, negama lotixo wabo abayi kulidyoba: ngokuba bona benikela iminikelo eyenziwa ngomlilo kayehova, ukutya kwotixo wabo; ngako boba ngcwele.
7Inkazana eyingnawokazi umhlaumbi edyojiweyo abayi kuyizeka, nomfazi olahliweyo yindoda yake abayi kumzeka kanjalo: ngokuba umperisite eyingcwele kutixo wake. 8Ngako uya kumngcwalisa; ngokuba enikela ukutya kwotixo wako: woba ngcwele kuwe; ngokuba ndingcwele mna Yehova, oningcwalisayo. 9Kanjako intombi yongumperisite, nxa izidyobayo ngokwenza umbulo, iyadyoba noyise wayo: iya kutshiswa ngomlilo.
10Nalowo ongumperisite omkulu pakati kwabazalwana bake, obekugalelwa pezu kwentloko yake ioli yokutambisa, nozandla zake zizalisiwe ukwambata izivato, intloko yake akayi kuyihlubulula, nezivato zake akayi kuziṙazula. 11Kanjalo akayi kuza ngakuwo namnye umzimba ofileyo; akayi kuzinco̔lisa ngenxa yoyise nangenxa yonina. 12Akayi kupuma endaweni eyingcwele, aze angayidyobi eyingcwele indawo yotixo wake; ngokuba ikrone yeoli yokutambisa yotixo wake ipezu kwake: mna ndi nguyehova. 13Uya kuzeka umfazi esebutonjini bake. 14Umhlolokazi, nolahliweyo, nodyojiweyo, noyingnawokazi, abanjalo akayi kubazeka; koko eya kuzeka intombi ipela yasebantwini bake ibe ngumfazi. 15Kanjako akayi kudyoba inzalo yake pakati kwabantu bake: ngokuba mna ndi nguyehova omngcwalisayo.
16Waza wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti: 17Teta ku‐Arone, usiti: Umntu wakwinzalo yako, ngezizukulwana zabo, ekukuye isonakalo, akayi kusondela ukuza kunikela ukutya kwotixo wake. 18Ngokuba engasayi kusondela namnye umntu ekukuye isonakalo: oyimfama, umhlaumbi osisiqwala, umhlaumbi ompumlo ibenileyo, umhlaumbi onendawo ekulelweyo, 19umhlaumbi umntu ononyawo oluṙunekileyo, umhlaumbi onesandla esapukileyo, 20umhlaumbi osisifombo, umhlaumbi oyingqeqe, umhlaumbi onomlanga elisweni lake, umhlaumbi onokubabeka, umhlaumbi onokwekwe, umhlaumbi omasende atyunyuzweyo: 21akayi kusondela namnye umntu, ekukuye isonakalo, kwinzalo ka‐Arone umperisite, ukuza kunikela iminikelo eyenziwa ngomlilo kayehova: isonakalo sikuye; ukutya kwotixo wake akayi kusondela ukunikela kona. 22Ukutya kwotixo wake, okwezinto ezingcwelekazi, nokwezinto ezingcwele, angakudla; 23kodwa kulo ikuselo akayi kuza, nakuso isibingelo akayi kusondela, ngenxa yokuba isonakalo sikuye; ukuze angazidyobi indawo zam ezingcwele: ngokuba mna ndi nguyehova obangcwalisayo.
24Waye u‐Mosesi wateta ezizinto ku‐Arone, nakonyana bake, nakulo lonke usapo luka‐Sirayeli.
Currently Selected:
I‐Levitikusi 21: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.