I‐Levitikusi 22
22
1Wabuya wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti: 2Teta ku‐Arone nakonyana bake, ukuba bazile izinto ezingcwele zosapo luka‐Sirayeli, nokuba bangadyobi igama lam elingcwele ngoko lundingcwalisele kona: mna ndi nguyehova. 3Yiti kubo: Umntu wakuyo yonke inzalo yenu, pakati kwezizukulwana zenu, osukuba eya kusondela kwezingcwele izinto, ezo usapo luka‐Sirayeli luzingcwalisile kuyehova, nxa ukunco̔la kwake kupezu kwake, umpefumlo lowo wonqanyulwa kwa sebusweni bam: mna ndi nguyehova. 4Owakuyo inzalo ka‐Arone osukuba elileperi, umhlaumbi engonegqita, yena akayi kuzidla izinto ezingcwele, ade abe ecokisekile. Kanjako ocukumisayo enye into enco̔lileyo ngomzimba ofileyo, umhlaumbi indoda ekupuma kuyo imbewu yokulala; 5umhlaumbi osukuba ecukumisa esinye isinambuzane anganco̔liswayo siso, umhlaumbi umntu anganco̔liswayo nguye, noko ukunco̔la kwake kukokunjanina; 6umntu ocukumisayo okunjalo, woba enco̔lile kude kuhlwe; akayi kudla kwezingcwele izinto, kupela nxa ahlambile inyama yake ngamanzi. 7Woti lakutshona ilanga abe ecokisekile, ati kamva adle kwezingcwele izinto; ngokuba kukutya kwake oko. 8Into esisidumbu, umhlaumbi eqwengiweyo, akayi kuyidla, ukuba azinco̔lise ngayo: mna ndi nguyehova. 9Ngako baya kugcina umyalezelo wam, ukuba bangatwali isono ngenxa yawo, bafe nokufa ngawo, nxa bawudyobayo: mna ndi nguyehova obangcwalisayo.
10Kanjalo akuyi kudla okuyingcwele namnye owasemzini; oliṙanuka lomperisite, noqeshiweyo, akayi kudla okuyingcwele. 11Kodwa nxa umperisite aya kutenga umntu ngemali yake, lo uya kudla kuko, kwa nozelweyo endlwini yake: bona baya kudla ekutyeni kwake. 12Nentombi yomperisite, nxa ingumfazi wendoda engowasemzini, yona ayiyi kudla kumnikelo wezinto ezingcwele. 13Koko ukuba intombi yomperisite ingumhlolokazi, umhlaumbi ngolahliweyo, ekungeko kuyo inzalo, nebuyeleyo endlwini kayise njengasebutsheni bayo, iya kudla kuko ukutya kwoyise wayo: kodwa akuyi kudla kuko namnye owasemzini. 14Kanjako ukuba umntu uya kudla into eyingcwele ngesiposo, uya kubeka esesihlanu isiqingata senani lako pezu kwako, andule asinike kumperisite kunye nalonto eyingcwele. 15Abayi kuzidyoba izinto ezingcwele zosapo lu ka‐Sirayeli, ezo luzinikele kuyehova; 16baze balutwese inkohlakalo yetyala, lwakuzidla izinto zalo ezingcwele: ngokuba mna ndi nguyehova olungcwalisayo.
17Walekela wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti: 18Teta ku‐Arone, nakonyana bake, nakulo lonke usapo luka‐Sirayeli, uti kubo: Umntu osukuba engowendlu ka‐Sirayeli, nowabasemzini abakwa‐Sirayeli, oya kunikela umnikelo wake, ngenxa yazo zonke izibambiso zabo, nangenxa yayo yonke iminikelo yabo yesisa, abaya kunikela ngayo kuyehova, libe lidini lokutshiswa; 19makunikelwe ngentando yenu inkunzi emsulwa pakati kwenkomo, pakati kwegusha, umhlaumbi pakati kwebokwe. 20Zonke ekukuzo isonakalo, aniyi kunikela ngazo; ngokuba zingayi kuba nakunibukelwa. 21Nosukuba eya kunikela umbingo woxolo kuyehova, ukufeza isibambiso, umhlaumbi ukunika umnikelo wesisa, ngezinkulu umhlaumbi ngezincinane inkomo, wona woba msulwa ukuba ukoleleke; akuyi kubako nasinye isonakalo kuwo. 22Into eyimfama, umhlaumbi eyapukileyo, umhlaumbi esisilima, umhlaumbi enesihlava, umhlaumbi enokubabeka, umhlaumbi enokwekwe, aniyi kunikela ngezinjalo kuyehova; nomnikelo owenziwa ngomlilo aniyi kuwenza ngazo pezu kwesibingelo kuyehova. 23Kanti inkomo, umhlaumbi igusha, enendawo ekulelweyo umhlaumbi efinyeleyo, leyo ungawenza ngayo umnikelo wesisa; kodwa ukuba ibe sisibambiso ayiyi kukoleleka. 24Aniyi kunikela kuyehova encinezelweyo, netyunyuziweyo, neṙuzulweyo, nesikelweyo; aniyi kwenje njalo elizweni lenu. 25Kanjako aniyi kunikela ukutya kwotixo wenu ngenye yezi ezivela esandleni sowelinye ilizwe; ngokuba ukudlubuka kwazo kukuzo; isonakalo sikuzo; aziyi kunibukelwa.
26Wateta uyehova kanjako ku‐Mosesi, esiti: 27Inkomo, umhlaumbi igusha, umhlaumbi ibokwe, xeshekweni izelweyo, yoba yimihla isixe̔nxe ngapantsi kwonina; yoti ngomhla wesibozo nangexesha eliza kuza, ikoleleke ukuba ibe ngumnikelo owenziwa ngomlilo kuyehova. 28Nokuba yinkomo, nokuba yigusha, aniyi kuxe̔la yona netole layo ngomhla mnye.
29Naxeshekweni niya kubinga umbingo wombulelo kuyehova, niya kubinga ngokwentando yenu. 30Kwa ngomhla lowo uya kudliwa; aniyi kusalisa nto kuwo kude kuse: mna ndi nguyehova.
31Ngako niya kugcina imiyalelo yam, niyenze: mna ndi nguyehova. 32Negama lam elingcwele aniyi kulidyoba, koko ndiya kungcwaliswa pakati kwosapo luka‐Sirayeli: mna ndi nguyehova, oningcwalisayo; 33lowo onipumisileyo elizweni le‐Jipete, ndize ndibe ngutixo wenu: mna ndi nguyehova.
Currently Selected:
I‐Levitikusi 22: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.