Wandula u‐Yoshuwa wabiza ama‐Rubene, nama‐Gadi, nesiqingata sesizwe sika‐Manase, wati kuwo: Nikugcinile konke wabeniyalela kona u‐Mosesi, isicaka SIKAYEHOVA; kanjalo nipulapule ilizwi lam ngako konke endiniyaleleyo. Anishiyanga abazalwana benu lemihla mininzi kude kwanamhla nje; koko nikugcinile ukugcinwa kwomyalelo KAYEHOVA, UTIXO wenu. Kaloku ke, UYEHOVA, UTIXO wenu, ubapumzile abazalwana benu, njengokuba wabesitsho kubo: ngako kaloku buyani, niye ezintenteni zenu, elizweni lemfuyo yenu, elo u‐Mosesi, isicaka SIKAYEHOVA, walinika kuni pesheya kwe‐Yoredane. Kodwa lumkani kakulu ukuba niwenze umyalelo nomteto, owabeniyalela u‐Mosesi, isicaka SIKAYEHOVA, ukuba nimtande UYEHOVA, UTIXO wenu, nokuba nihambe kuzo zonke indlela zake, nokuba niyigcine imiyalelo yake, nokuba ninamatele kuye, nokuba nimkonze ngayo yonke intliziyo yenu nangawo wonke umpefumlo wenu.
Funda U‐Yoshuwa 22
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: U‐Yoshuwa 22:1-5
2 Weeks
Jesus Himself said anyone who loves Him will obey His teaching. No matter what it costs us personally, our obedience matters to God. The "Obedience" reading plan walks through what the Scriptures say about obedience: How to maintain a mindset of integrity, the role of mercy, how obeying frees us and blesses our lives, and more.
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo