U‐Yoshuwa 15
15
1Kekaloku iqashiswa lesizwe sosapo luka‐Juda, ngezizalwane zalo, belisemdeni we‐Edome, intlango ye‐Tsine ngasesuyide, ngasesipelweni sesuyide.
2Waye umda walo wasesuyide wavela esipelweni solwandle olutyuwa, ecwebeni elibeka ngasesuyide; 3waza wapumela ecaleni lasesuyide leqina lase‐Hakerabime, wadlulela e‐Tsine, wenyuka esuyide waya e‐Kadeshe‐baneha, wadlulela e‐Hetserone, wenyukela e‐Adari, wajikela e‐Karaka; 4waza wadlulela e‐Hatsemone, wapumela emlanjeni wase‐Jipete; nokupela kwawo umda lowo kwakuselwandle: nguwo lo oya kuba ngumda wenu wasesuyide.
5Kanjalo umda wasempumalanga waululwandle olutyuwa, kude kwasesipelweni se‐Yoredane.
Nomda ongecala lasenode wona wavela ecwebeni lolwandle, esipelweni se‐Yoredane: 6waza umda lowo wenyukela e‐Bete‐hogela, wadlula ngecala lasenode le‐Bete‐haraba; wabuya wenyuka umda lowo waya elityeni lika‐Bohane unyana ka‐Rubene: 7wenyuka kanjalo umda lowo waya ngase‐Debire uvela emhlanjeni we‐Hakore, wasinga ngasenode, ubeka ngase‐Gilegale, emalungana neqina lase‐Adumime, engecala lasesuyide lomlambo: wadlula ke umda lowo waya ngasemanzini ase‐Hene‐shemeshe, nokupela kwawo kwakuse‐Hene‐Rogele: 8waza wenyuka umda lowo ngesihlambo sonyana ka‐Hinome waya ecaleni lasesuyide le‐Yebusi, ekwa yiyo i‐Yerusaleme: wabuya wenyuka umda lowo waya engcotsheni yentaba epambi kwesihlambo sika‐Hinome ngasentshonalanga, esisesipelweni somhlambo wama‐Rafa ngasenode: 9waza umda lowo woluka engcotsheni yentaba waya emtonjeni wamanzi ase‐Nefetowa, wada wapumela ezixekweni zasentabeni ye‐Hefrone: wabuya woluka umda lowo waya e‐Bahala, ekwa yiyo i‐Kiriyate‐yarime: 10waza wajika umda lowo e‐Bahala ngasentshonalanga waya entabeni ye‐Sehire, wadlulela ecaleni le‐Hari‐yarime ngasenode, ekwa yiyo i‐Kesalone, wehlela e‐Bete‐shemeshe, wadlulela e‐Timna: 11waza umda lowo wapumela ecaleni le‐Hekrone ngasenode; wandula umda lowo wolukela ngase‐Shikrone, wadlulela entabeni ye‐Bahala, wapumela e‐Yabinele; nokupela kwomda lowo kwakuselwandle.
12Kanjalo umda wasentshonalanga waululwandle olukulu, nomda wakona.
Nguwo lo umda wosapo luka‐Juda ngento engqongayo, ngezizalwane zalo.
13No‐Kalebi, unyana ka‐Jefune, wamnika isabelwa pakati kwosapo luka‐Juda, ngelizwi likayehova ku‐Yoshuwa, isixeko sika‐Areba uyise ka‐Hanaki, esiyiyo i‐Hebrone. 14Waye u‐Kalebi wagqogqa apo onyana bobatatu baka‐Hanaki, o‐Sheshai, no‐Ahimane, no‐Talemai, abenzalo ka‐Hanaki. 15Waza wenyuka kona waya kubo abemi base‐Debire; kekaloku igama le‐Debire ngapambili laliyi‐Kiriyate‐sefere. 16Wayesiti u‐Kalebi: Lowo obetayo i‐Kiriyate‐sefere, ayitimbe ke, sendiya kumnika u‐Hakesa, intombi yam, abe ngumfazi. 17Wasuka u‐Hotineli unyana ka‐Kenazi, umzalwana ka‐Kalebi, wayitimba: waza wamnika u‐Hakesa, intombi yake, abe ngumfazi. 18Kwaye kute, ekuzeni kwake endodeni, wayivusa ukuba icele kuyise intsimi; wandul’ ukuhlika eqwaṙasheni; waza u‐Kalebi wati kuye: Ufuna nto nina? 19Wayesiti: Ndipe itamsanqa; ngokuba undipile ilizwe lasesuyide; ndipe kanjalo imitombo yamanzi. Waza wampa imitombo yasentla nemitombo yasezantsi.
20Lilo eli ilifa lesizwe sosapo luka‐Juda, ngezizalwane zalo.
21Kekaloku nazi izixeko ezisesipelweni sesizwe sosapo luka‐Juda ngasemdeni we‐Edome esuyide: i‐Kabetsele, ne‐Hedere, ne‐Yagure, 22ne‐Kina, ne‐Dimona, ne‐Hadada, 23ne‐Kedeshe, ne‐Hatsore, ne‐Yitenane, 24i‐Zifi, ne‐Teleme, ne‐Behalote, 25ne‐Hatsore‐hadata, ne‐Keriyote, i‐Hetserone, ekwa yiyo i‐Hatsore, 26i‐Amame, ne‐Shema, ne‐Molada, 27ne‐Hatsare‐gada, ne‐Heshemone, ne‐Bete‐palete, 28ne‐Hatsare‐shuhali, ne‐Beresheba, ne‐Biziyoteya, 29i‐Bahala, ne‐Hiyime, ne‐Hatseme, 30ne‐Letoladi, ne‐Kesile, ne‐Horema, 31ne‐Tsikilage, ne‐Mademana, ne‐Santsana, 32ne‐Lebawote, ne‐Shilime, ne‐Hayine, ne‐Rimone: zonke izixeko zingamashumi mabini anetoba, nemizi yazo.
33 Ezisezihlanjeni, yi‐Shetawoli, ne‐Tsoreha, ne‐Ashena, 34ne‐Zanoha, ne‐Hene‐ganime, i‐Tapuwa, ne‐Hename, 35i‐Yaremute, ne‐Hadulame, i‐Soko, ne‐Hazeka, 36ne‐Sharayime, ne‐Haditayime, ne‐Gedera, ne‐Gederotayime; izixeko ezilishumi linazine, nemizi yazo: 37i‐Tsenane, ne‐Hadasha, ne‐Migidale‐gadi, 38ne‐Dilane, ne‐Mitsipe, ne‐Yokitele, 39i‐Lakishe, ne‐Botsekate, ne‐Heglone, 40ne‐Kabone, ne‐Lahemasi, ne‐Kitilishe, 41ne‐Gederote, i‐Bete‐dagone, ne‐Nahama, ne‐Makeda; izixeko ezilishumi linazitandatu, nemizi yazo: 42i‐Libena, ne‐Hetere, ne‐Hashane, 43ne‐Yifeta, ne‐Ashena, ne‐Netsibe, 44ne‐Kehila, ne‐Kazibe, ne‐Maresha; izixeko ezilitoba, nemizi yazo: 45i‐Hekrone, namagxamesi ayo, nemizi yayo; 46kutatyatwa e‐Hekrone kude kube selwandle, zonke ezingasecaleni le‐Ashedode, nemizi yazo; 47i‐Ashedode, amagxamesi ayo nemizi yayo; i‐Gaza, amagxamesi ayo nemizi yayo, kude kube kuwo umlambo wase‐Jipete, nolwandle olukulu, nomda wakona.
48Nezisezintabeni, yi‐Shamire, ne‐Yatire, ne‐Soko, 49ne‐Dana, ne‐Kiriyate‐sana, ekwa yiyo i‐Debire, 50ne‐Hanabi, ne‐Shetemo, ne‐Hanime, 51ne‐Goshene, ne‐Holone, ne‐Gilo; izixeko ezilishumi linesinye, nemizi yazo: 52i‐Arabe, ne‐Duma, ne‐Shehane, 53ne‐Yanume, ne‐Bete‐tapuwa, ne‐Afeka, 54ne‐Humeta, ne‐Kiriyate‐areba, ekwa yiyo i‐Hebrone, ne‐Tsihore; izixeko ezilitoba, nemizi yazo: 55i‐Mahone, i‐Karamele, ne‐Zifi, ne‐Yuta, 56ne‐Yezerele, ne‐Yokedame, ne‐Zanoha, 57i‐Kayine, i‐Gibeha, ne‐Timna; izixeko ezilishumi, nemizi yazo: 58i‐Halehule, i‐Bete‐tsure, ne‐Gedore, 59ne‐Maharate, ne‐Bete‐hanote, ne‐Letekone; izixeko ezitandatu, nemizi yazo: 60i‐Kiriyate‐bali, ekwa yiyo i‐Kiriyate‐yarime, ne‐Raba; izixeko ezibini, nemizi yazo.
61 Ezisentlango, yi‐Bete‐haraba, i‐Midine, ne‐Sekaka, 62ne‐Nibeshane, nesixeko se‐Tyuwa, ne‐Hene‐gedi: izixeko ezitandatu, nemizi yazo.
63Kodwa ama‐Yebusi, abemi base‐Yerusaleme, usapo luka‐Juda lwakohlwa ukuwagqogqa: ngako ama‐Yebusi ahleli nosapo luka‐Juda e‐Yerusaleme, kude kwanamhla nje.
Currently Selected:
U‐Yoshuwa 15: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.