U‐Yoshuwa 14

14
1KANJAKO ngawo la amafa usapo luka‐Sirayeli lwawamkela elizweni le‐Kanane, abalwabela wona u‐Elezari umperisite, no‐Yoshuwa unyana ka‐Nune, nabazintloko zendlu zoyise zezizwe zosapo luka‐Sirayeli. 2Kwabiwa ngeqashiso ilifa lalo, njengokuba uyehova ebeyalele ngesandla sika‐Mosesi, elezizwe ezilitoba nesiqingata sesizwe: 3ngokuba u‐Mosesi ebenikile ilifa lezizwe ezibini nesiqingata sesizwe pesheya kwe‐Yoredane: kodwa aba‐Levi akabanikanga ilifa pakati kwalo. 4Ngokuba usapo luka‐Josefe beluzizizwe zibini, esika‐Manase nesika‐Frayime: Ngako bebenganiki isabelwa kuba‐Levi elizweni, kupela izixeko zokuhlala, nenqele zazo zibe zezenkomo zabo nezempahla yabo. 5Njengokuba uyehova ebemyalele u‐Mosesi, lwenje njalo ke usapo luka‐Sirayeli, lwalaba ilizwe.
6Lwandula lwasondela usapo luka‐Juda ku‐Yoshuwa e‐Gilegale; waza u‐Kalebi, unyana ka‐Jefune um‐Kenazi, wati kuye: Uyayazi wena into wabeyiteta uyehova ku‐Mosesi, indoda katixo, ngokwam nangokwako e‐Kadeshebaneha. 7Bendingominyaka imashumi mane ubudala bam, nxa u‐Mosesi, isicaka sikayehova, wandisusayo e‐Kadeshebaneha ukuya kuhlola ilizwe; ndada ndamzisela impendulo, njengokuba kube kunjalo entliziyweni yam. 8Kanti abazalwana bam, ababenyuke nam, banyibilikisa intliziyo zabantu: mna kodwa ndakolisa ukulandela uyehova, utixo wam. 9Wayefunga u‐Mosesi ngomhla lowo, esiti: Ngenyaniso lomhlaba inyawo zako zinyatele pezu kwawo, woba lilifa lako nelabantwana bako kude kube ngunapakade! ngokuba ukolisile ukulandela uyehova, utixo wam. 10Kekaloku bona ke, uyehova undilondolozile ebomini, njengokuba etshilo, leminyaka imashumi mane anamihlanu, kwa kuseloko uyehova wabeteta elilizwi ku‐Mosesi, okuya o‐Sirayeli bebehamba entlango: nakaloku, nanku namhla ndingominyaka ingamashumi asibozo anamihlanu ubudala bam. 11Ndisomelele namhla nje, njengokuba bendinjalo emhleni wanditumayo u‐Mosesi; njengokuba amandla am ebenjalo oko, akwa njalo amandla am kaloku, ngokulwa, nangokupuma, nangokungena. 12Ngako kaloku ndipe lentaba, owati uyehova wateta ngayo ngomhla lowo: ngokuba ubusiva wena ngomhla lowo, okokuba ama‐Hanaki akona, nezixeko ezikulu ezinqatyisiweyo: kungati uyehova woba nam, ukuba ndiwagqogqe, njengokuba etshilo uyehova.
13Wandula u‐Yoshuwa wamtamsanqelisa, wayinika i‐Hebrone ku‐Kalebi unyana ka‐Jefune ibe lilifa lake. 14Ngako oko i‐Hebrone yaba lilifa lika‐Kalebi unyana ka‐Jefune um‐Kenazi kwada kwanamhla nje; ngenxa yokuba wakolisa ukulandela uyehova, utixo wo‐Sirayeli. 15Igama le‐Hebrone ngapambili laliyi‐Kiriyate‐areba; obengumntu omkulu pakati kwama‐Hanaki u‐Areba lowo.
Laye ilizwe lapumla emfazweni.

Currently Selected:

U‐Yoshuwa 14: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena