U‐Jobi 41

41
1Ungar̔ola na ileviyatane ngegwegwe, nolwimi lwayo ngentambo uyitshonisayo? 2Ungafaka intsontelo empumlweni yayo na? ungajigija umhlati wayo ngeqeṙu kusinina? 3Iya kuzenza imbongozo ezininzi kuwe na? iya kuteta kuwe izinto ezitambileyo na? 4Iya kulwenza nawe na ucebano? woyitabata ibe sisicaka ngonapakade na? 5Uya kudlala nayo na ngokungati yintaka? woyibopela intombazana zako kusinina? 6Amakolwane aya kuyimbela isihogo na? aya kuyahlula pakati kwabatengi na? 7Uya kuzalisa na ulusu lwayo ngenyembe, nentloko yayo ngengcola zentlanzi? 8Beka isandla sako pezu kwayo! akuyi kubuya ukumbule ngokulwa.
9Bona ke, itemba lake lenziwa buxoki: akawiswa pantsi ke na kwa sekubonakaleni kwayo? 10Akuko onobugagu bokuba ayivuse: ngubanina ke lowo ongemayo ebusweni bam? 11Ngubanina ondipangeleyo, ukuba ndibuyekeze? okupantsi kwezulu lonke kukokwam nje!
12Andiyi kuti cwaka pezu kwamalungu ayo, nendawo yamandla ayo nesoya sokuxo̔tyiswa kwayo. 13Ngubanina ohlubileyo ubuso besivato sayo? ngubanina oya kungena pakati kwemihlati epindiweyo yayo? 14Ingcango zobuso bayo ngubanina ozivulileyo? inṙozo zamazinyo ayo ziyinto eyoyikekayo. 15Amakaka anamandla alir̔atshi layo; evaliwe ngesincamatiselo esiti shinyi. 16Elinye liyasondelana nelinye, ukuba umoya awunakungena pakati kwawo. 17Ayanamatela amanye kwamanye; ayabambana, akakumleki. 18Ukutimla kwayo kukazimlisa ukukanya; namehlo ayo anjengenkope zomso. 19Ziyasuka izibane emlonyeni wayo; intlantsi zomlilo ziyabaleka. 20Uyaquma umsi ezintunjeni zempumlo yayo, njengongxawo ovutelweyo ezingcongolweni. 21Umpefumlo wayo uyavutisa amalahle; nasemlonyeni wayo liyapuma ilangatye. 22Entanyeni yayo kuhleli amandla; nasebusweni bayo ulwoyiko luyatsiba. 23Indawo ezilizengezenge zenyama zayo ziyanamatelana; iqinile pezu kwayo, ingenakushukuma. 24Intliziyo yayo yomelele njengelitye; ewe, yomelele njengelitye langapantsi lokusila. 25Nxa izipakamisayo ayoyika amaṙoti; ngenxa yamavuso akohliwe. 26Lakuyifikela iṙele, alinakuma; kwa nentshuntshe, nengcola, nentsimbi. 27Iyabala isincete ukuba yinca, nexina ukuba ngumti obolileyo. 28Utolo alungeyenze isabe; amatye esisaulo ayaguqulwa abe ngumququ kuyo. 29Umvinqikazi uyabalwa ngokuba ludiza; iyahleka ukuvivinya kwomkonto. 30Ngapantsi kwayo ngamacepe abukali; iyandlala intsimbi zokubula pezu kwodaka. 31Inzulu iyayibilisa njengembiza; ulwandle iyalwenza njengenqai yamafuta. 32Emva kwayo iyenza umzila obengezelayo; ngekubiwa inzulu ingwevu. 33Akuko pezu kwomhlaba ifane layo; eyenziweyo ingenakunkwantya. 34Konke okupakamileyo iyakubona; ingukumkani yona pezu kwazo zonke izilo ezir̔atshileyo.

Currently Selected:

U‐Jobi 41: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena