U‐Jobi 4

4
1WAZA wapendula u‐Elifazi um‐Temani, wati:
2Silinga ukuteta nawe, uya kudinwa na? ngubanina pofu ongawabambayo amazwi? 3Bona ke, ubalulekile abaninzi, nezandla ezibutataka uzomelezile. 4Obeku̔beka amazwi ako ampakamisile, namadolo atobayo uwaqinisile. 5Koko kaloku kuze pezu kwako, seucubukile; kufikele kuwe, selutusiwe. 6Asi kukwoyika kwako na okuyingqiniso yako, nobunene bemikwa yako obulitemba lako? 7Kaukumbule, ngubanina obengenatyala owabubayo? kupina ke babetshatyalaliswa abalungisayo? 8Njengoko ndikubonileyo, abalimayo inkohlakalo, nabahlwayela ububi, bayavuna kona. 9Ngokupefumla kukatixo bayabuba, nangomoya wempumlo yake bagqityelwe. 10Ukukonya kwengonyama, nelizwi lengonyama enomsindo, namazinyo engonyama ezintsha ayapulwa. 11Ingonyama enamandla iyabuba ngokuswela into yokuqwenga, namatole engonyamakazi atiwa sa.
12Kekaloku ilizwi laziswa kum ngokwalama, yaka yabamba indlebe yam intsebezo kulo. 13Pakati kwezicingo zivela emibonisweni yobusuku, kwakuba kusiwa ubutongo obukulu pezu kwabantu, 14isoyiko sandihlela, nesingcangcazelo, esadidizisa onke amatambo am. 15Wandula ukugqita pambi kwobuso bam umoya; zisuke inwele zenyama yam zapakama: 16wema, kodwa bendingaqiqi isimilo sake; umfanekiselo ubungapambi kwamehlo am; nelizwi elizolileyo ndaliva, lisiti: 17Into engumntu yoba ilungile pambi kwotixo na? indoda iya kuba ngcwele pambi kwomdali wayo na? 18Bona ke, kuzo izicaka zake akatembi; napezu kwengelosi zake uyabeka ubudenge: 19kangakananina ngakumbi ke pezu kwabemi bezindlu zodongwe, ezikusekwa kuselutulini! bayancinezelwa njengenundu; 20kwa sekuseni kude kube sekuhlweni bacitiwe; bayagqibela ukububa, kungeko ogqalayo. 21Ayinduluki na indluliselo yabo ekubo? bayafa, bengesebulumkweni.

Currently Selected:

U‐Jobi 4: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena