U‐Jobi 3
3
1EMVENI kwoku wavula u‐Jobi umlomo wake, wawuqalekisa umhla wake. 2Waza wapendula u‐Jobi, wati:
3Maibube imini bendizalelwa kuyo, nobobusuku kwatiwa: Kumitiwe umntwana oyindoda. 4Imini leyo, maibe bubumnyama: maangayikataleli utixo kwa pezulu; nobumhlope mabungakanyi pezu kwayo. 5Makuyibange ubumnyama nesitunzi sokufa; makupumle pezu kwayo amafu; intsito zemini maziyoyikise. 6Ubusuku obo, isitokotoko masibubambe: mabungabandakanywa nemihla yomnyaka; mabungangeni enanini lazo inyanga. 7Bona ke, ubusuku obo, mabube budlolo; ilizwi lokuvuya malingezi kubo. 8Mababunywebelele abaqalekisi bemini, abo baqele ukuvusa ileviyatane. 9Mazibe mnyama inkwenkwezi zoncwalazi lwabo; mabulinde ukukanya, kungabiko ke; mabungakangeli nenkope zomso: 10ngenxa yokuba bungavingcanga ingcango zesizalo esandizalayo, nokuba bungafihlanga lusizi emehlweni am.
11Kunganina ukuba bendingafanga kwa sezizalweni, umhlaumbi bendingaqaukanga umxe̔lo ndakupuma esiswini? 12Kunganina ukuba andipangela amadolo? kunganina ukuba enje njalo namabele, ukuba ndanye? 13Ngokuba ngoku, ngendiba ndilele pantsi, ndonwaba ke; ngendiba ndilele ubutongo, ndandula ukuba nokupumla; 14ndawonye nokumkani namapakati omhlaba, ababezakela indawo ezicitakeleyo; 15umhlaumbi ndawonye nenkosi ezibe zinegolide, ezazizalisa izindlu zazo ngesilivere: 16umhlaumbi, njengesisu sipumayo esiselelweyo, ngendingabi ndiko; njengentsana ezingazanga zibone ukukanya. 17Apo, abakohlakeleyo bayayeka ukuxalisa; nalapo, bayapumla abadiniweyo ngamandla: 18ababanjwa bayapumla kunye; abasaliva ilizwi lombandezeli. 19Abancinane nabakulu bakona; nekonza likululekile enkosini yalo.
20Kunganina ukuba kunikwe ukukanya konosizi; nobomi kwabanobuṙaṙa bompefumlo; 21abalangazelela ukufa, kanti akuko; abakumbelayo ngapezu kwendyebo eziselelweyo; 22abavuya kude kuvuyelelwe, bagcobe, nxa bafumeneyo incw̔aba? 23Kunganina kwindoda endlela ifihliweyo, leyo utixo ayibiyeleyo ngokungqonga? 24Ngokuba, ebusweni bokutya kwam, kusiza ukugula kwam; zitululwa njengamanzi nembombolozo zam. 25Ngokuba bendisoyika ububi, baza bandihlela: noko ndandinkwantya kona, kuze kum. 26Bendingenakunqaba, bendingenakwonwaba, bendingenakupumla, saza safika isitukutezi.
Currently Selected:
U‐Jobi 3: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.