Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

Ivangeli ka‐Johane 8:42-47

Ivangeli ka‐Johane 8:42-47 XHO1902A

Wandula wati kuwo u‐Yesu: Ukuba UTIXO ebenguyihlo wenu, ngeniba nitanda mna: ngokuba ndapuma ndavela KUTIXO; ngokuba kanjako ndingezanga ngokwam, nguye lowo owanditumayo. Kunganina ukuba ningaqondi ukuteta kwam? kukuba ningelive ilizwi lam. Nina ningabakuye uyihlo u‐Satane, nenkanuko zoyihlo wenu niyatanda ukuzenza. Yena lowo ebengumbulali kwa sekuqaleni, engemanga enyanisweni ke, kuba kungeko nyaniso kuye. Nxa ateta ubuxoki, uyateta kokukokwake: ngokuba elixoki, noyise wabo. Kodwa mna ngokuba ndiyiteta inyaniso, anikolwa kum. Ngubanina kuni ondivisa ityala ngesono? Kodwa ukuba ndiyateta inyaniso, kunganina ukuba ningakolwa kum? Lowo ungowakuye UTIXO uyaweva amazwi KATIXO: ngenxa yoku aniweva nina, kuba ningengabakuye UTIXO.