UYOHANE 8:42-47
UYOHANE 8:42-47 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Uthe ke uYesu kuwo, Ukuba uThixo ebenguYihlo, ninge nindithanda; kuba mna ndaphuma kuThixo, ndifikile ke; kuba andizanga ngokwam, nguye owandithumayo. Kungani na ukuba ningayiqondi intetho yam? Kungokuba ningenakuliva ilizwi lam. Nina ningaboyihlo uMtyholi, neenkanuko zoyihlo niyathanda ukuzenza. Yena waye esisibulala-mntu kwasekuqaleni; akemi enyanisweni, ngokuba akukho nyaniso kuye. Xa sukuba ethetha ubuxoki, uthetha okukokwakhe; ngokuba ulixoki, noyise wawo. Mna ke, ngokuba ndithetha inyaniso, anikholwa ndim. Ngubani na kuni ondohlwayayo ngenxa yesono? Ukuba ke ndithetha inyaniso, kungani na ukuba ningàkholwa ndim? Lowo ungokaThixo, uyaweva amazwi kaThixo; ngenxa yoko aniweva nina, ngokuba ningengabakaThixo.
UYOHANE 8:42-47 IBHAYIBHILE (XHO96)
Wathi kuwo uYesu: “Ukuba uThixo ebenguyihlo ngenene, ngenindithanda; kuba ndilapha nje, ndivela kuThixo. Kaloku andizizelanga ngagunya lam; ndithunywe nguye. Kutheni ningayiqondi nje intetho yam? Kungenxa yokuba ningakwazi ukulibamba ilizwi lam. Nina ningaboyihlo umtyholi, kwaye nithanda ukwenza intando yakhe. Yena wayesisibulala-mntu kwasekuqalekeni. Nenyaniso akayihoyanga, kuba akananyani. Usekhaya xa athetha ubuxoki, kuba yena ulixoki, usobuxoki kanye. Kodwa mna ndinixelela inyaniso; kungoko ningakholwayo kum. Akukho namnye kuni ungandibeka tyala, athi ndonile. Ndithetha inyaniso nje, ngani ukuba ningakholwa? OngokaThixo uyaweva amazwi kaThixo. Ke ngoko nina aniweva amazwi kaThixo, kuba aningabo abakaThixo.”
UYOHANE 8:42-47 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Uthe ke uYesu kuwo, Ukuba uThixo ebenguYihlo, ninge nindithanda; kuba mna ndaphuma kuThixo, ndifikile ke; kuba andizanga ngokwam, nguye owandithumayo. Yini na ukuba ningayiqondi intetho yam? ngenxa yokuba ningenakuliva ilizwi lam. Nina ningaboyihlo uMtyholi, neenkanuko zoyihlo niyathanda ukuzenza. Yena waye esisibulala-mntu kwasekuqaleni, akemi enyanisweni, ngokuba akukho nyaniso kuye. Xa sukuba ethetha ubuxoki, uthetha okukokwakhe; ngokuba ulixoki, noyise wawo. Mna ke, ngokuba ndithetha inyaniso, anikholwa ndim. Ngubani na kuni ondohlwayayo ngenxa yesono? Ukuba ke ndithetha inyaniso, kungani na ukuba ningakholwa ndim? Lowo ungokaThixo, uyaweva amazwi kaThixo; ngenxa yoko aniweva nina, ngokuba ningengabakaThixo.
UYOHANE 8:42-47 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Wandula wati kuwo u‐Yesu: Ukuba UTIXO ebenguyihlo wenu, ngeniba nitanda mna: ngokuba ndapuma ndavela KUTIXO; ngokuba kanjako ndingezanga ngokwam, nguye lowo owanditumayo. Kunganina ukuba ningaqondi ukuteta kwam? kukuba ningelive ilizwi lam. Nina ningabakuye uyihlo u‐Satane, nenkanuko zoyihlo wenu niyatanda ukuzenza. Yena lowo ebengumbulali kwa sekuqaleni, engemanga enyanisweni ke, kuba kungeko nyaniso kuye. Nxa ateta ubuxoki, uyateta kokukokwake: ngokuba elixoki, noyise wabo. Kodwa mna ngokuba ndiyiteta inyaniso, anikolwa kum. Ngubanina kuni ondivisa ityala ngesono? Kodwa ukuba ndiyateta inyaniso, kunganina ukuba ningakolwa kum? Lowo ungowakuye UTIXO uyaweva amazwi KATIXO: ngenxa yoku aniweva nina, kuba ningengabakuye UTIXO.