Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

Ivangeli ka‐Johane 4:23-34

Ivangeli ka‐Johane 4:23-34 XHO1902A

Koko ixeshana lisiza, ewe liko ngoku, xeshekweni ababedeshi abayinyaniso baya kumbedesha UYISE ngomoya nangenyaniso: ngokuba NOYISE efuna ukuba abambedeshayo babe ngabanjalo. UTIXO UNGUMOYA; nabo bambedeshayo, bafanele ukubedesha ngomoya nangenyaniso. Wati umfazi kuye: Ndiyazi ukuba u‐Mesiya uyeza; (o‐kutiwa ngu‐Kristu;) xeshekweni kufika lowo, wosishumayeza into zonke. Wati u‐Yesu kuye: Mna nditetayo kuwe ndinguye. Bati pezu kwoku bafika abadisipile bake, bati nqa ukuba ebeteta nomfazi: kodwa noko bekungeko owatshoyo ukuti: Ufuna nto nina? umhlaumbi ukuti: Yinina ukuba utete naye? Wandula umfazi washiya umpanda wake, wemka waya esixekweni, wati ebantwini: Yizani, nibone umntu, owandixelelayo zonke izinto endike ndazenza: lo unguye u‐Kristu na? Bandula bapuma esixekweni, beza ukuza kuye. Kekaloku pakati kwoku abadisipile bake bebemtandaza, besiti: Rabi! yidla. Koko wati kubo: Mna ndinokutya ndikudle, eningakwaziyo nina. Bebesiti ngoko abadisipile omnye kwomnye: Kuko omziseleyo into yokudla na? Wati u‐Yesu kubo: Ukutya kwam kokokuba ndiyenze intando yonditumileyo, nokuba ndiwufeze umsebenzi wake.