Kodwa kuza ixesha, kwaye selikho, abaya kuthi ngalo abanquli benene bamnqule ngoMoya benyanisile uBawo, kuba uBawo ufuna abantu abamkhonza ngolo hlobo. UThixo unguMoya; abo ke bamnqulayo kufuneka bamnqule ngoMoya benyanisekile.” Loo mfazi wathi kuye: “Ndiyazi ukuba *uMesiya, ekuthiwa *nguKrestu, uyeza. Wothi ke akufika asixelele konke.” UYesu wathi kuye: “Nguye kanye lo uthetha nawe.” Kwathi ngelo xesha bafika abafundi bakaYesu, bamangaliswa kukuba ethetha nomntu obhinqileyo. Noko akubangakho namnye owathi: “Ufuna ntoni na kuye?” okanye owathi: “Kutheni na ukuba uthethe naye?” Umfazi lowo ke wayishiya ingqayi yakhe, waya edolophini, wathi ebantwini: “Yizani nibone; nanku umntu ondixelele zonke izinto endakha ndazenza. Akangebi *nguKrestu na?” Baphuma ke edolophini, baya kuYesu. Ngeli thuba abafundi bakaYesu babembongoza besithi: “Mfundisi, nantsi into etyiwayo!” Kodwa yena wathi kubo: “Mna ndinokutya eningakwaziyo nina.” Baza abafundi babuzana besithi: “Ngaba kukho mntu umzisele ukutya na?” UYesu wathi kubo: “Ukwenza ukuthanda kwalowo undithumileyo kukutya kwam, ndide ndiwufeze umsebenzi wakhe.
Funda UYOHANE 4
Share
Compare All Versions: UYOHANE 4:23-34
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos