UYOHANE 4:23-34
UYOHANE 4:23-34 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Kodwa kuza ilixa, nangoku selikho, xa abanquli abayinyaniso baya kumnqula uBawo ngoMoya nangenyaniso; kuba uBawo ufuna abanjalo ukumnqula. UThixo unguMoya; abo ke bamnqulayo bamelwe kukumnqula ngoMoya nangenyaniso. Ithi intokazi kuye, Ndiyazi ukuba uMesiya uyeza, ekuthiwa nguKristu;• xa athe weza yena, uya kusityela izinto zonke. Athi uYesu kuyo, Mna ndithethayo nawe ndinguye. Kwathi kwangoko bafika abafundi bakhe, bamangaliswa kukuba athethe nomntu oyinkazana; noko ke akubangakho namnye owathi. Ùfuna ntoni na? nowathi, Yini na ukuba uthethe nayo? Yawushiya ngoko umphanda wayo intokazi, yemka yaya ekhaya; ithi ebantwini, Yizani, nibone umntu ondixelele izinto zonke endakha ndazenza; lo akangebi nguye uKristu• yini na? Baphuma ke ekhaya, baye besiza kuye. Ke kaloku, kweso sithuba abafundi babemthandaza, besithi, Rabhi,• yidla. Uthe ke yena kubo, Mna ndinokudla endikudlayo, eningakwaziyo nina. Babethetha bodwa ngoko abafundi, besithi, Ingaba kukho omziseleyo na ukudla? Athi uYesu kubo, Okwam ukudla kukuba ndenze ukuthanda kowandithumayo, ndiwufeze umsebenzi wakhe.

UYOHANE 4:23-34 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kodwa kuza ixesha, kwaye selikho, abaya kuthi ngalo abanquli benene bamnqule ngoMoya benyanisile uBawo, kuba uBawo ufuna abantu abamkhonza ngolo hlobo. UThixo unguMoya; abo ke bamnqulayo kufuneka bamnqule ngoMoya benyanisekile.” Loo mfazi wathi kuye: “Ndiyazi ukuba *uMesiya, ekuthiwa *nguKrestu, uyeza. Wothi ke akufika asixelele konke.” UYesu wathi kuye: “Nguye kanye lo uthetha nawe.” Kwathi ngelo xesha bafika abafundi bakaYesu, bamangaliswa kukuba ethetha nomntu obhinqileyo. Noko akubangakho namnye owathi: “Ufuna ntoni na kuye?” okanye owathi: “Kutheni na ukuba uthethe naye?” Umfazi lowo ke wayishiya ingqayi yakhe, waya edolophini, wathi ebantwini: “Yizani nibone; nanku umntu ondixelele zonke izinto endakha ndazenza. Akangebi *nguKrestu na?” Baphuma ke edolophini, baya kuYesu. Ngeli thuba abafundi bakaYesu babembongoza besithi: “Mfundisi, nantsi into etyiwayo!” Kodwa yena wathi kubo: “Mna ndinokutya eningakwaziyo nina.” Baza abafundi babuzana besithi: “Ngaba kukho mntu umzisele ukutya na?” UYesu wathi kubo: “Ukwenza ukuthanda kwalowo undithumileyo kukutya kwam, ndide ndiwufeze umsebenzi wakhe.
UYOHANE 4:23-34 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kodwa kuza ilixa, nangoku selikho, xa abanquli abayinyaniso baya kumnqula uBawo ngoMoya nangenyaniso; kuba uBawo ufuna abanjalo ukumnqula. uThixo unguMoya; abo ke bamnqulayo bamelwe kukumnqula ngoMoya nangenyaniso. Ithi intokazi kuye, Ndiyazi ukuba uMesiya uyeza, ekuthiwa nguKristu; xa athe weza yena, uya kusityela izinto zonke. Athi uYesu kuye, Mna ndithethayo nawe ndinguye. Kwathi kwangoko bafika abafundi bakhe, bamangaliswa kukuba athethe nomntu oyinkazana; noko ke akubangakho namnye owathi. Ufuna ntoni na? okanye, Yini na ukuba uthethe nayo? Yawushiya ngoko umphanda wayo intokazi, yemka yaya ekhaya; Yizani, nibone umntu ondixelele izinto zonke endakha ndazenza; lo akangebi nguye uKristu yini na? Baphuma ke ekhaya, baye besiza kuye. Ke kaloku ngelo xesha abafundi babemthandaza, besithi, Rabhi, yidla. Uthe ke yena kubo, Mna ndinokudla endikudlayo, eningakwaziyo nina. Babethetha bodwa ngoko abafundi, besithi, Ingaba kukho omziseleyo na ukudla? Athi uYesu kubo, Okwam ukudla kukuba ndenze ukuthanda kowandithumayo, ndiwufeze umsebenzi wakhe.
UYOHANE 4:23-34 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Koko ixeshana lisiza, ewe liko ngoku, xeshekweni ababedeshi abayinyaniso baya kumbedesha UYISE ngomoya nangenyaniso: ngokuba NOYISE efuna ukuba abambedeshayo babe ngabanjalo. UTIXO UNGUMOYA; nabo bambedeshayo, bafanele ukubedesha ngomoya nangenyaniso. Wati umfazi kuye: Ndiyazi ukuba u‐Mesiya uyeza; (o‐kutiwa ngu‐Kristu;) xeshekweni kufika lowo, wosishumayeza into zonke. Wati u‐Yesu kuye: Mna nditetayo kuwe ndinguye. Bati pezu kwoku bafika abadisipile bake, bati nqa ukuba ebeteta nomfazi: kodwa noko bekungeko owatshoyo ukuti: Ufuna nto nina? umhlaumbi ukuti: Yinina ukuba utete naye? Wandula umfazi washiya umpanda wake, wemka waya esixekweni, wati ebantwini: Yizani, nibone umntu, owandixelelayo zonke izinto endike ndazenza: lo unguye u‐Kristu na? Bandula bapuma esixekweni, beza ukuza kuye. Kekaloku pakati kwoku abadisipile bake bebemtandaza, besiti: Rabi! yidla. Koko wati kubo: Mna ndinokutya ndikudle, eningakwaziyo nina. Bebesiti ngoko abadisipile omnye kwomnye: Kuko omziseleyo into yokudla na? Wati u‐Yesu kubo: Ukutya kwam kokokuba ndiyenze intando yonditumileyo, nokuba ndiwufeze umsebenzi wake.