Ivangeli ka‐Johane 17

17
1LAMAZWI wawateta u‐Yesu, wapakamisa amehlo ake ngasezulwini, wati: Bawo! ixeshana lifikile: menzele ubungcwalisa unyana wako, ukuze nonyana wako akwenzele ubungcwalisa wena: 2kwa njengokuba wamnika igunya pezu kwoluntu lwonke, ukuze bonke usukuba umnikile bona abanike ubomi obungunapakade. 3Bubo obu ke ubomi obungunapakade, ukuba bazi wena okupela kwotixo oyinyaniso, no‐Yesu Kristu owabumtuma. 4Ndikwenzele ubungcwalisa emhlabeni; ndiwufezile umsebenzi endiwunikiweyo nguwe ukuba ndiwenze. 5Nakaloku, Bawo! ndenzele ubungcwalisa kwa kuwe wena, ngobungcwalisa obo endibe ndinabo kuwe lingekabiko ilizwe.
6Ndilityilile igama lako kwabobantu endibanikiweyo nguwe kulo ilizwe: bebengabako, waundinikile bona; nelizwi lako baligcinile. 7Kaloku bazile ukuba zonke ezonto endizinikiweyo nguwe zivela kwa kuwe. 8Ngokuba lomazwi endiwanikiweyo nguwe, ndiwanikile kubo; bati bona bawamkela, bazi ngenyaniso ukuba ndapuma kuwe, bakolwa ukuba wandituma wena. 9Ndiyatandazela bona; anditandazeli ilizwe, koko nditandazela abo endibanikiweyo nguwe; ngokuba bengabako. 10Zonke izinto ke ezizezam zizezako, nezizezako zezam; kanjalo ndenzelwe ubungcwalisa kuzo. 11Kekaloku mna andiseselizweni, kanti aba bako elizweni, nam ndiyeza kuwe. Bawo oyingcwele! bagcinele egameni lako abo endibanikiweyo nguwe, ukuze babe banye, njengokuba sibanye tina. 12Oko ndibe ndinabo elizweni, ndandibagcinela egameni lako: abo ubanikileyo kum ndabalondoloza, kungatshabalalanga namnye kubo, kutshabalele unyana wentshabalalo kupela; ukuze isiba̔lo sizaliseke. 13Kodwa kaloku ndiyeza kuwe; nezizinto ndiyaziteta ndiselizweni, ukuze babe novuyo lwam luzalisekile kubo.
14Ndibanikile ilizwi lako; lite ilizwe labatiya, ngokuba bengengabaselizweni, njengokuba ndingengowaselizweni mna. 15Anditandazi ukuba ubasuse elizweni, koko nditandaza ukuba ubagcine kuko okukohlakeleyo. 16Abangabaselizweni, njengokuba ndingengowaselizweni mna. 17Bangcwalise ngayo inyaniso yako; lona ilizwi lako liyinyaniso. 18Njengokuba watuma mna elizweni, kwa njalo nam ndatuma bona elizweni. 19Nangenxa yabo ndiyazingcwalisa mna ngokwam, ukuze nabo babe bengcwalisiwe enyanisweni.
20Kodwa anditandazeli aba bodwa, koko nditandazela nabo baya kukolwa kum ngelizwi labo; 21ukuze bonke babe banye; njengokuba wena, Bawo! ukum, nam ndikuwe, baze nabo babe banye kuti; ukuze ilizwe likolwe ukuba wandituma wena, 22nobungcwalisa obunikileyo kum, ndibunikile mna kubo; ukuze babe banye, njengokuba sibanye tina; 23mna ndikubo, nawe ukum, ukuze babe befezekile ngokuba banye; nokuze ilizwe lazi ukuba wena wandituma, nokuba wabatanda bona, kwa njengokuba wanditanda mna.
24Bawo! abo undinikile bona, nditanda ukuba apo ndikoyo mna, nabo babe kona ndawonye nam; ukuze babone ubungcwalisa bam, obo endandibunikwa nguwe; ngokuba wabunditanda lingekamiswa ilizwe. 25Bawo olungileyo! lona ilizwe alakwazi; kodwa mna ndakwazi, bati naba bazi ukuba wena wandituma. 26Ndaza ndalazisa kubo igama lako, ndandiya kulazisa kanjako; ukuze utando owabunditanda ngalo lube kubo, nam ndibe kubo.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena