Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Lowo ungangeniyo ngesango esibayeni sezimvu, koko ekwela ngayimbi indawo, oyena ulisela nebada. Kodwa lowo ungenayo ngesango, ungumalusi wezimvu. Lo umgcinisango uyamvulela; nelizwi lake izimvu ziyaliva: nezake izimvu uyazibiza ngegama ngegama, azikokele pandle. Naxeshekweni aziku̔payo ezake izimvu, uyahamba pambi kwazo; ziti izimvu zimlandele, ngokuba zilazi ilizwi lake. Kodwa owasemzini azisayi kumlandela, koko ziya kubaleka kuye; ngokuba zingalazi ilizwi labasemzini.
Lomzekeliso u‐Yesu wawuteta kubo: kodwa bona abaqonda ukuba zibe zisiti nina ezozinto wabeziteta kubo.
Wati ngoko u‐Yesu kubo kanjako: Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Mna ndililo isango lezimvu. Bonke abo abezayo ndingekabiko mna, bangamasela namabada: koko izimvu zingabevanga. Mna ndililo isango: xeshekweni umntu angena ngam, uya kusindiswa; waeya kungena apume nokupuma, afumane nedlelo. Olisela uyeza ukuba ebe̔, abulale, atshabalalise, kupela: ndeza mna ukuba babe nobomi, nokuba babe nabo ngobuninzi. Mna ndinguye umalusi olungileyo: ongumalusi olungileyo ubomi bake uyabubeka pantsi ngenxa yazo izimvu. Kodwa ongumqeshwa, engengumalusi nje, lowo izimvu zingezezake, uyayibona incu̔ka isiza, azishiye izimvu, abaleke; ize iti incu̔ka iziqwenge, izici̔te izimvu. Kekaloku ongumqeshwa uyabaleka, ngokuba engumqeshwa, engayikataleli izimvu ke. Mna ndinguye umalusi olungileyo; nezamizimvu ndiyazazi, kanjalo ndiyaziwa zezam, njengokuba UBAWO endazi mna, nam ndimazi UBAWO; nobomi bam ndiyabubeka pantsi ngenxa yazo izimvu. Nezinye izimvu ndinazo, ezingezezakuso isibaya esi; ezo nazo ndifanele ukuzizisa, nelizwi lam ziya kuliva; kwakuya kubako umhlambi umnye, nomalusi emnye. Ngenxa yoku UBAWO uyanditanda, ukuba ndibubeka pantsi ubomi bam, ukuze ndibuye ndibutabate. Akuko mntu ondihluta bona, koko ndibubeka pantsi ngokwam. Ndinegunya lokuba ndibubeke pantsi, ndinegunya lokuba ndibuye ndibutabate kanjalo. Lomyalelo ndawamkela KUBAWO.
Kwabako impambano ngoko kanjako pakati kwama‐Juda ngenxa yeziteto ezi. Bati ke abaninzi kuwo: Unedemoni, uyageza; yinina ukuba nimve? Bati abanye: Lamazwi akangawalowo ungenelwe yidemoni. Idemoni ingavula amehlo abazimfama na?